IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • INdumiso 18:6
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    •  6 Xa ndandisentlungwini, ndathandaza kuYehova,

      Ndaqhubeka ndikhalela uncedo kuThixo wam.

      Waliva ilizwi lam esetempileni yakhe,+

      Yaye ukukhalela kwam uncedo kwafika ezindlebeni zakhe.+

  • Yona 2:7
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    •  7 Xa ndandiphelelwa ngamandla, nguYehova endamkhumbulayo.+

      Umthandazo wam wafika kuwe, etempileni yakho engcwele.+

  • Mateyu 26:38, 39
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 38 Wathi kubo: “Ndikhathazeke kakhulu, intliziyo yam ibuhlungu ngeyona ndlela. Hlalani apha, nihlale nithe qwa kunye nam.”+ 39 Waya phambili umganyana, wawa ngobuso, wathandaza+ esithi: “Tata, ukuba kunokwenzeka, mayidlule le ndebe+ kum. Kodwa, mayingabi kukuthanda kwam, mayibe kukuthanda kwakho.”+

  • Marko 15:34
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 34 Malunga nentsimbi ­yesithathu emva ­kwemini, uYesu wakhwaza kakhulu, esithi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” othetha ukuthi, “Thixo wam, Thixo wam, undishiyele ntoni na?”+

  • Hebhere 5:7
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 7 Xa uKristu wayephila emhlabeni, wayethandaza kuThixo owayekwazi ukumsindisa ekufeni, emcenga yaye emcela, ekhala kakhulu esihla iinyembezi,+ yaye imithandazo yakhe yaviwa kuba wayemoyika uThixo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share