14 Noko ke, wena qhubeka uzikholelwa izinto ozifundileyo waza wancedwa ukuba uzikholelwe,+ kuba uyazi ukuba uzifunde kubani, 15 yaye uzaze uselusana+ izinto ezingcwele ezibhaliweyo,+ ezikunika ubulumko obuza kukunceda usindiswe kuba unokholo kuKristu Yesu.+