-
1 Kumkani 21:20, 21IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
20 UAhabhi wathi kuEliya: “Undifumene, lutshaba lwam!”+ Yena wathi: “Ewe ndikufumene. ‘Ngenxa yokuba uzimisele* ukwenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova,+ 21 ndikuzisela intlekele, ibe ndiza kutshayela emva kwakho nditshabalalise wonke umntu oyindoda* kwa-Ahabhi,+ nkqu nabo bangenakuzinceda nabangenamandla kwaSirayeli.+
-
-
2 Kumkani 10:10, 11IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
10 Nize nazi ke, ukuba akukho nalinye kumazwi kaYehova awathethileyo uYehova ngendlu ka-Ahabhi elingazukwenzeka,*+ ibe uYehova uyenzile into awayithetha kumkhonzi wakhe uEliya.”+ 11 Ngaphezu koko, uYehu wabaxabela bonke ababeshiyekile kwindlu ka-Ahabhi eYizereli, nawo onke amadoda akhe abalulekileyo, abantu awayebazi nababingeleli bakhe,+ akwabikho namnye usindayo kubantu bakhe.+
-