-
Numeri 11:16, 17IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
16 UYehova wathi kuMoses: “Qokelela amadoda ayi-70 kumadoda angabadala kwaSirayeli, amadoda owaziyo ukuba angabadala namagosa abantu,+ uwazise ententeni yokuhlangana, ume nawo apho. 17 Ndiza kuhla+ ndithethe nawe apho,+ ndicuntsule kumoya okuwe ndize ndiwufake kuwo,+ aze akuncedise ekuthwaleni lo mthwalo ungaba bantu, ungawuthwali wedwa.+
-