IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kronike 33:10
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 10 UYehova waqhubeka ethetha noManase nabantu bakhe, kodwa abazange bamamele.+

  • 2 Kronike 36:15, 16
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 15 UYehova uThixo wookhokho babo, waqhubeka ebalumkisa ngabathunywa bakhe, ebalumkisa kaninzi-ninzi, kuba waba nosizi ngabantu bakhe nangendawo yakhe yokuhlala. 16 Kodwa baqhubeka bebagculela abathunywa boThixo wokwenene,+ bewacaphukela namazwi akhe.+ Babehlekisa ngabaprofeti bakhe+ de uYehova wanomsindo,+ kwada kwabonakala ukuba abazukuncedakala.

  • Nehemiya 9:29
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 29 Nangona wawubalumkisa, ubabuyisela eMthethweni wakho, babesenza unothanda, bengafuni ukuthobela imiyalelo yakho, besona ngokungayihoyi imithetho yakho+ esindisa abo bayithobelayo.+ Baba neenkani, bakufulathela, abafuna ukukumamela.

  • Yeremiya 7:13
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 13 Kodwa niye naqhubeka nisenza zonke ezi zinto,’ utsho uYehova, ‘nangona ndiye ndathetha ndithethile* nani, anikhange nindimamele.+ Ndiye ndaqhubeka ndinibiza kodwa anikhange nindiphendule.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share