IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 32:4
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 4 UAron wayithatha igolide kubo, waza wenza umfanekiso oqingqiweyo wethole lenkomo+ ngesixhobo sokubhala. Abantu bathi: “Nanku uThixo wakho Sirayeli, okukhuphileyo kwilizwe laseYiputa.”+

  • Duteronomi 7:5
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 5 “Ngoko nantsi into emaniyenze kuzo: Zidilizeni izibingelelo zazo, niziqhekeze iintsika zazo ezingcwele,+ zigawuleni iipali zazo ezingcwele,*+ nize niyitshise imifanekiso yazo eqingqiweyo.+

  • Duteronomi 7:25
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 25 Nimele niyitshise imifanekiso yoothixo bazo.+ Nize ningayibaweli isilivere negolide ekuyo okanye niyithathe,+ ukuze inganirhintyeli kuba uYehova uThixo wenu uyayenyanya.+

  • ABagwebi 17:3, 4
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 3 Ngoko loo ndoda yawabuyisela kumama wayo amaqhosha esilivere ayi-1 100, kodwa yena wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiza kuyenza ngcwele kuYehova le silivere iphuma esandleni sam, ukuze unyana wam enze ngayo umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso wesinyithi.+ Ndiyibuyisela kuwe ke.”

      4 Emva kokuba iyibuyisele kumama wayo, yena wathatha amaqhosha esilivere ayi-200 wawanika umkhandi wesilivere. Lo mkhandi wenza umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso wesinyithi, yaza loo mifanekiso yabekwa endlini kaMika.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share