Isaya 49:13 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 13 Khwazani nivuya nina mazulu, nawe mhlaba yitsho ngentswahla.+ Iintaba mazivuye ziyiyizele.+ Kuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe,+Ubenzela inceba abantu bakhe abasentlungwini.+ Isaya 51:3 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 3 Kuba uYehova uza kuyithuthuzela iZiyon.+ Uza kuzithuthuzela zonke iindawo zayo ezitshabaleleyo,+Intlango yayo ayenze ibe njenge-Eden,+Ibe njengomyezo kaYehova.+ Kuza kubakho kuyo uvuyo nolonwabo,Umbulelo nengoma emnandi.+ 2 Korinte 1:3, 4 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 3 Makadunyiswe uThixo onguTata weNkosi yethu uYesu Kristu,+ uTata onenceba+ noThixo wayo yonke intuthuzelo,+ 4 osithuthuzelayo* kubo bonke ubunzima esijongene nabo,+ ukuze sikwazi ukuthuthuzela+ abo bakulo naluphi na uhlobo lobunzima, ngendlela nathi esithuthuzelwe ngayo nguThixo.+
13 Khwazani nivuya nina mazulu, nawe mhlaba yitsho ngentswahla.+ Iintaba mazivuye ziyiyizele.+ Kuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe,+Ubenzela inceba abantu bakhe abasentlungwini.+
3 Kuba uYehova uza kuyithuthuzela iZiyon.+ Uza kuzithuthuzela zonke iindawo zayo ezitshabaleleyo,+Intlango yayo ayenze ibe njenge-Eden,+Ibe njengomyezo kaYehova.+ Kuza kubakho kuyo uvuyo nolonwabo,Umbulelo nengoma emnandi.+
3 Makadunyiswe uThixo onguTata weNkosi yethu uYesu Kristu,+ uTata onenceba+ noThixo wayo yonke intuthuzelo,+ 4 osithuthuzelayo* kubo bonke ubunzima esijongene nabo,+ ukuze sikwazi ukuthuthuzela+ abo bakulo naluphi na uhlobo lobunzima, ngendlela nathi esithuthuzelwe ngayo nguThixo.+