15 Kodwa ekugqibeleni ukumkani wamjikela,+ wathumela abathunywa bakhe eYiputa ukuba baye kufumana amahashe+ nomkhosi omkhulu.+ Ngaba uza kuphumelela? Uza kusinda na ekohlwayweni lowo wenza ezi zinto? Angakwazi na ukusinda emva kokuba engenzanga ngokwesivumelwano?’+