2 Ngoko wathi kubo: “Nanini na nithandaza, yithini: ‘Tata, malingcwaliswe igama lakho.+ Mabufike uBukumkani bakho.+ 3 Suku ngalunye, siphe isonka esisidingayo.+ 4 Sixolele izono zethu,+ kuba nathi siyabaxolela bonke abanamatyala kuthi;+ ungasiyekeli xa silingwa.’”+