-
Luka 11:29-32IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
29 Xa babesiba baninzi kakhulu abantu, uYesu wathi: “Esi sizukulwana singalunganga sifuna ummangaliso, kodwa akukho mmangaliso siza kuwenzelwa ngaphandle kokamprofeti uYona.+ 30 Njengokuba into eyenzeka kuYona+ yaba sisilumkiso kubantu baseNineve, kuza kuba njalo nangoNyana womntu kwesi sizukulwana. 31 Ukumkanikazi wasemzantsi+ uza kuvuswa xa kugwetywa abantu besi sizukulwana aze abamangalele, kuba yena weza evela kwindawo ekude ezokuva ubulumko bukaSolomon. Kodwa, jongani! ngoku kufike umntu omkhulu kunoSolomon.+ 32 Abantu baseNineve baza kuvuka xa kugwetywa baze basimangalele esi sizukulwana, kuba bona baguquka xa uYona wayeshumayela kubo.+ Kodwa, jongani! ngoku kufike umntu omkhulu kunoYona.
-