IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Marko 8:1-9
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 8 Ngaloo mihla, kwaphinda kwabakho abantu abaninzi, bengenanto yakutya. Ngoko uYesu wabiza abafundi bakhe, wathi kubo: 2 “Ndiyabasizela aba bantu,+ kuba sekuphele iintsuku ezintathu belapha, ibe abanakutya.+ 3 Ukuba ndithi mabagoduke belambile,* baza kufeyinta endleleni, kwaye abanye babo basuka kude kakhulu.” 4 Kodwa abafundi bakhe bathi kuye: “Siza kuzithatha phi izonka ezinokwanela aba bantu bangaka, sikwindawo esecaleni nje?” 5 Wababuza wathi: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi: “Zisixhenxe.”+ 6 Wathi abo bantu mabahlale phantsi. Wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, bona bazinika abantu.+ 7 Babenazo neentlanzana ezimbalwa, ibe emva kokuba ethandazile,* wathi nazo mabazinike abantu. 8 Ngoko batya bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskithi ezinkulu ezisixhenxe zigcwele ngamaqhekeza ashiyekileyo.+ 9 Kwakukho amadoda amalunga ne-4 000 apho. Ekugqibeleni wathi mabagoduke abo bantu.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share