-
Marko 9:2-8IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
2 Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu wenyuka intaba ephakamileyo noPetros noYakobi noYohane. Bambona etshintsha;+ 3 izambatho zakhe zangaphezulu zabengezela, zamhlophe lee kunokuba zinokwenziwa ngumntu. 4 Kwathi kusenjalo, babona uEliya noMoses bencokola noYesu. 5 Emva koko uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi,* kuyasivuyisa ukuba lapha. Ngoko masimise iintente zibe ntathu, eyakho, ekaMoses nekaEliya.” 6 UPetros wayengazi ukuba makathini, kuba babesoyika kakhulu. 7 Kwavela ilifu phezu kwabo, kwaza kwavakala ilizwi+ kwelo lifu, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo.+ Mmameleni.”+ 8 Bathe bakubhekabheka babona ukuba akusekho mntu ngaphandle koYesu.
-
-
Luka 9:28-36IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
28 Kwathi ke, malunga neentsuku ezisibhozo emva kokuba ethethe la mazwi, wahamba noPetros noYohane noYakobi esiya kuthandaza entabeni.+ 29 Njengokuba wayethandaza, ubuso bakhe batshintsha nempahla yakhe yakhazimla. 30 Kwathi kusenjalo, kwabonakala amadoda amabini encokola naye, uMoses noEliya. 31 Ayenobuqaqawuli ibe ethetha ngokumka kwakhe okwakusele kuza kwenzeka eYerusalem.+ 32 Ngoko uPetros nabo wayekunye nabo babesozela kakhulu, kodwa ukuphaphama kwabo babona uzuko lukaYesu+ nolwamadoda amabini awayeme naye. 33 Athi la madoda mabini xa eza kuhamba, uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kuyasivuyisa ukuba lapha. Ngoko masimise iintente zibe ntathu, eyakho, ekaMoses nekaEliya.” UPetros wayengaziva ukuba uthini. 34 Uthe esathetha, kwavela ilifu labogquma, baza boyika. 35 Emva koko kwavakala ilizwi+ kwelo lifu, lisithi: “Lo nguNyana wam endimkhethileyo.+ Mmameleni.”+ 36 Lathi lisathetha elo lizwi, babona uYesu sele eyedwa. Ibe kwagqitha ixesha bengaxeleli mntu ngento ababeyibonile.+
-