7 Ngenxa yokholo uNowa,+ emva kokuba elumkiswe nguThixo ngezinto ezingekabonwa,+ wabonisa ukuba uyamoyika uThixo waza wakha umkhombe+ ukuze asindise intsapho yakhe. Ngenxa yokholo lwakhe, waligwebela isohlwayo ihlabathi,+ waza waba yindlalifa yobulungisa obubakho ngenxa yokholo.