-
Mateyu 3:7-10IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
7 Wathi uYohane akubona abaFarisi nabaSadusi+ abaninzi beze kubhaptizwa, wathi kubo: “Nzalandini yamarhamba,+ ngubani onilumkisileyo ukuba niyibaleke intshabalalo kaThixo ezayo?+ 8 Ngoko ke, yenzani izinto ezibonisa ukuba niguqukile. 9 Sanukufane nithi, ‘Utata wethu nguAbraham.’+ Kuba ndithi kuni, uThixo angamvelisela abantwana nakula matye uAbraham. 10 Izembe selikulungele ukuyigawula ezingcanjini imithi. Ngoko ke, yonke imithi engavelisi ziqhamo zihle iza kugawulwa ize iphoswe emlilweni.+
-