-
2 Kumkani 4:42-44IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
42 Kwafika indoda ivela eBhahali-shalisha,+ izisele umntu kaThixo wokwenene izonka zerhasi eziyi-20+ ezenziwe ngesivuno sokuqala, kunye nengxowa enokutya okuziinkozo.+ UElisha wathi: “Nika abantu batye.” 43 Kodwa isicaka sakhe sathi: “Ndingakubeka njani ukutya okuncinci kangaka phambi kwabantu abayi-100?”+ Wathi kuso: “Nika abantu batye, kuba uthi uYehova, ‘Baza kutya bade bakushiye.’”+ 44 Ngoko sakubeka phambi kwabo, batya bada bakushiya,+ njengokuba uYehova wayetshilo.
-