-
Marko 6:47-51IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
47 Kwahlwa isikhephe siphakathi elwandle, kodwa yena esesentabeni.+ 48 Ngoko xa wabona indlela ababesiqhuba nzima ngayo isikhephe, kuba umoya wawuvela ngaphambili, waya kubo ekuzeni kusa,* ehamba phezu kolwandle; kodwa waba ngathi uza kugqitha kubo. 49 Bathe bakumbona ehamba phezu kolwandle, bathi: “Ngumbono lo!” Batsho bakhala. 50 Kuba xa bonke bambonayo, bothuka. Ngoko nangoko uYesu wathi kubo: “Yibani nesibindi! Ndim; sanukoyika.”+ 51 Emva koko wakhwela esikhepheni kunye nabo, waza waphela umoya. Yabamangalisa kakhulu le nto,
-