-
Yohane 20:19, 20IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
19 Kwathi ke ngokuhlwa, ngosuku lokuqala evekini, uYesu wangena ngaphakathi kwindawo ababekuyo abafundi bakhe, nangona babewutshixile umnyango, kuba besoyika amaYuda, wema phakathi kwabo waza wathi: “Yibani noxolo.”+ 20 Emva koko, wababonisa izandla zakhe nenxeba elisecaleni.+ Ngoko abafundi bavuya kakhulu bakuyibona iNkosi.+
-