-
Duteronomi 16:9-11IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
9 “Nize nibale iiveki ezisixhenxe. Niza kuqala ukuzibala ezi veki xa niqalisa ukufaka irhengqa, nivuna ukutya okuziinkozo.+ 10 Emva koko niza kwenzela uYehova uThixo wenu iTheko Leeveki+ ngomnikelo wenu wokuzithandela, ngokobuninzi bezinto anisikelele ngazo uYehova uThixo wenu.+ 11 Nize nivuye phambi koYehova uThixo wenu kwindawo uYehova uThixo wenu akhetha ukulibeka kuyo igama lakhe, nivuye kunye noonyana benu, iintombi zenu, amakhoboka enu, amakhobokazana enu, abaLevi abakwizixeko zenu, abantu basemzini, abantwana abangenatata* nabahlolokazi abahlala kunye nani.+
-