-
Roma 8:3, 4IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
3 Abantu abagqibelelanga,+ ngoko uMthetho wawungenakukwazi+ ukubasindisa ekubeni babengenakukwazi ukuwuthobela ngokupheleleyo, ngenxa yoko uThixo wathumela uNyana wakhe+ enomzimba ofana nowabantu abanesono,+ ukuze asigwebe isono, 4 sitsho sikwazi ukwenza izinto ezilungileyo ezifunwa nguMthetho,+ thina bantu bangalawulwa yimizimba yethu enesono kodwa ngumoya oyingcwele.+
-