-
Roma 1:16, 17IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
16 Andinazintloni ngokushumayela ezi ndaba zilungileyo,+ kuba zibonisa ukuba uThixo unamandla yaye unokubasindisa bonke abo banokholo,+ amaYuda kuqala+ namaGrike.+ 17 Kuba ezi ndaba zityhila ubulungisa bukaThixo kwabo banokholo kuye, lutsho luqine ukholo lwabo+ kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Kodwa yena umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo.”+
-