IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • INdumiso 22:15
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 15 Amandla am omile njengeceba lengqayi,+

      Nolwimi lwam luthe nca enkalakahleni;+

      Wena undihlisela eluthulini lokufa.+

  • Isaya 53:8
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    •  8 Akazange agwetywe ngobulungisa,* waza wabulawa;

      Ngoko ke, ngubani oza kuzixhalabisa ngeenkcukacha zesizukulwana sakhe?*

      Kuba wasuswa kwabaphilayo;+

      Wafumana umvumbo* ngenxa yokona kwabantu bam.+

  • Isaya 53:12
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 12 Ngenxa yeso sizathu ndiza kumabela isahlulo phakathi kwabaninzi,

      Ahlulelane ngezinto ezoxuthiweyo kunye nabo banamandla,

      Ngenxa yokuba wabuqongqotha ubomi bakhe de wafa,+

      Wabalwa phakathi kwaboni.+

      Wathwala isono sabantu abaninzi,+

      Waza wabathethelela aboni.+

  • Daniyeli 9:26
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 26 “Emva kweeveki eziyi-62, uMesiya uza kubulawa+ engenanto.+

      “Yaye isixeko nendawo engcwele ziza kutshatyalaliswa ngabantu benkokheli ezayo.+ Ibe iza kupheliswa ngumkhukula. Kuza kubakho imfazwe kuyo de kube sekupheleni; kaloku kugqitywe kwelokuba itshatyalaliswe.+

  • 1 Petros 2:24
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 24 Wazithwala izono zethu+ ngomzimba wakhe esibondeni,*+ ukuze sife esonweni* size siphilele ubulungisa. Yaye “niye naphiliswa ngamanxeba akhe.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share