51 Mamelani! Ndinixelela imfihlelo engcwele: Asizukulala ekufeni sonke, kodwa sonke siza kutshintshwa,+ 52 ngokukhawuleza, ngokuqhwanyaza kwelihlo, xa kukhala ixilongo lokugqibela. Kuba ixilongo liza kukhala,+ yaye abantu abafileyo baza kuvuswa benemizimba engaboliyo, ibe siza kutshintshwa.