9 USawule wayesabagrogrisa abafundi beNkosi yaye efuna ukubabulala,+ ibe waya kumbingeleli omkhulu 2 wamcela ukuba abhale iileta aza kuya nazo kwizindlu ekukhonzwa kuzo eDamasko, ukuze abazise bebotshiwe eYerusalem nabaphi na abafumeneyo abakule Ndlela YeNkosi,+ amadoda nabafazi.