29 Emva koko kuza kuza abaLevi, ekubeni bengenasabelo nalifa kunye nani, kuze nabantu basemzini, abantwana abangenatata, nabahlolokazi abahlala ezixekweni zenu, baze batye banele,+ yaye uYehova uThixo wenu uza kunisikelela kuyo yonke into eniyenzayo.+