-
Efese 4:17-19IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
17 Ngoko ndithi kuni yaye ndiyanicela egameni leNkosi, ukuba niyeke ukuphila njengeentlanga,+ kuba zona aziyisebenzisi ingqondo.+ 18 Iingqondo zazo zisebumnyameni yaye azinalo ithemba lobomi uThixo asinika lona, ngenxa yokuba azifuni kuba nalwazi, nangenxa yokuqaqadeka* kweentliziyo zazo. 19 Ziqaqadekile kwindlela yokuziphatha, ziziphatha ngokungenazintloni,*+ zisenza lonke uhlobo lokungcola zinyolukile.
-