20 Thina ke, singabasezulwini,+ yaye siyilinde ngamehlo abomvu iNkosi uYesu Kristu,+ umsindisi wethu osuka khona, 21 oza kuwutshintsha umzimba wethu obuthathaka ube njengalo wakhe uzukileyo,+ esebenzisa amandla akhe amenza akwazi ukuba negunya phezu kwezinto zonke.+