IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Roma 2:6, 7
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 6 Yaye uza kubuyekeza ngamnye ngokwemisebenzi yakhe:+ 7 uza kubanika ubomi obungenasiphelo nemizimba engaboliyo+ abo bazifunela uzuko nembeko ngokwenza umsebenzi olungileyo benyamezele;

  • 2 Timoti 4:7, 8
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 7 Ndiwulwile umlo omhle,+ ugqatso ndilubaleke kwada kwasekugqibeleni,+ ndiye ndalugcina lomelele ukholo lwam. 8 Ngoko ke ndibekelwe isithsaba sobulungisa,+ endiza kusinikwa ngaloo mini njengomvuzo yiNkosi, umgwebi olilungisa;+ kodwa ayizukunika mna ndodwa,+ iza kunika nabo bonke abo bakuthandayo ukubonakaliswa kwayo.

  • Yakobi 1:12
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 12 Wonwabile umntu oqhubeka enyamezela isilingo,+ kuba akuphumelela kuso uza kufumana isithsaba sobomi,+ uYehova* asithembisa abo baqhubeka bemthanda.+

  • ISityhilelo 20:4
    IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
    • 4 Kwakhona ndabona iitrone, yaye abo babehleli kuzo banikwa igunya lokugweba. Ndabona imiphefumlo* yabo babebulewe ngenxa yokungqina ngoYesu nangokuthetha ngoThixo, nabo bangazange balinqule irhamncwa nomfanekiso walo nabangazange baphawulwe ebunzi okanye esandleni.+ Babuyela ebomini baza baba ngookumkani kunye noKristu+ iminyaka eyi-1 000.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share