Nehemiya
3 UEliyashibhi+ umbingeleli omkhulu nabantakwabo abangababingeleli bahamba baya kwakha iGeyithi Yeegusha.+ Bayingcwalisa*+ baza bayifaka iingcango; bayingcwalisa ukuyokutsho kwiNqaba IMeya+ nakwiNqaba KaHananeli.+ 2 Ecaleni kwabo kwakusakha amadoda aseYeriko,+ ecaleni kwawo inguZakure unyana kaImri.
3 Oonyana bakaHasenaha bakha iGeyithi Yeentlanzi;+ bayenzela umgubasi wamaplanga,+ bafaka iingcango, izitshixo nemivalo yayo. 4 Ecaleni kwabo kwakusebenza uMeremoti+ unyana kaUriya unyana kaHakotse; ecaleni kwakhe inguMeshulam+ unyana kaBherekiya unyana kaMeshezabheli, elandelwa nguTsadoki unyana kaBhana. 5 Ecaleni kwakhe kwakusebenza amaTekowa,+ nto nje izikhulu zawo zazingafuni kubancedisa abaphathi bazo.
6 Yena uYoyada unyana kaPaseha noMeshulam unyana kaBhesodeya babelungisa iGeyithi Yesixeko Esidala;+ bayenzela umgubasi wamaplanga, bafaka iingcango, izitshixo nemivalo yayo. 7 Ecaleni kwabo kwakusebenza uMelatiya umGibheyon+ noYadon umMeronoti, amadoda aseGibheyon naseMizpa,+ eyayiphantsi komlawuli wommandla ongaPhesheya KoMlambo.*+ 8 Ecaleni kwabo kwakusebenza u-Uziyeli unyana kaHarehaya, omnye wabakhandi begolide, elandelwa nguHananiya, omnye wabenzi bamafutha okuthambisa;* ibe bayigangatha iYerusalem babeka amatye ukuyokutsho kuDonga Olubanzi.+ 9 Ecaleni kwabo kwakusebenza uRefaya unyana kaHure, inkosana yesiqingatha sengingqi yaseYerusalem. 10 Ecaleni kwakhe kwakusebenza uYedaya unyana kaHarumafi kwindawo ephambi kwendlu yakhe, ecaleni kwakhe inguHatushe unyana kaHashabheneya.
11 Yena uMalekiya unyana kaHarim+ noHashubhi unyana kaPahati-mowabhi+ babelungisa elinye icala, kunye neNqaba Yee-oveni.+ 12 Ecaleni kwakhe kwakusebenza uShalum unyana kaHaloheshe, inkosana yesiqingatha sengingqi yaseYerusalem, ekunye neentombi zakhe.
13 Yena uHanuni nabantu baseZanowa+ balungisa iGeyithi Yentlambo;+ bayakha baza bafaka iingcango, izitshixo nemivalo yayo, balungisa neekubhite eziyi-1 000* zodonga ukuyokutsho kwiGeyithi Yeemfumba Zothuthu.+ 14 UMalekiya unyana kaRekabhi, inkosana yengingqi yaseBhete-hakerem,+ walungisa iGeyithi Yeemfumba Zothuthu; wayakha waza wafaka iingcango, izitshixo nemivalo yayo.
15 Yena uShalun unyana kaKolihoze, inkosana yengingqi yaseMizpa,+ walungisa iGeyithi Yomthombo;+ wayakha, wabeka uphahla waza wafaka iingcango, izitshixo nemivalo yayo. Walungisa nodonga lweChibi+ Lomjelo oya eMyezweni Kakumkani+ ukuyokutsho kwiZitepsi+ ezehla zisuka kwisiXeko SikaDavide.+
16 Ngapha kwakhe kwakusebenza uNehemiya unyana ka-Azebhuki, inkosana yesiqingatha sengingqi yaseBhete-tsure+ phambi kweNdawo Yokungcwaba KaDavide+ ukuyokutsho kwidama+ elakhiweyo nakwiNdlu Yamakroti.
17 Ngapha kwakhe kwakusebenza abaLevi: uRehum unyana kaBhani, ecaleni kwakhe kusebenza uHashabhiya, inkosana yesiqingatha sengingqi yaseKeyila,+ esenza umsebenzi owabelwe ingingqi yakhe. 18 Ngapha kwakhe kwakusebenza abantakwabo: uBhavayi unyana kaHenadadi, inkosana yesiqingatha sengingqi yaseKeyila.
19 Ecaleni kwakhe, uEtsere unyana kaYeshuwa,+ inkosana yaseMizpa, wayelungisa indawo engaphambi kweqhina elinyukela kwiNdawo Yezixhobo ekwiNtsika Exhase Udonga.+
20 Ngapha kwakhe uBharuki unyana kaZabhayi+ wayesebenza ngokuzimisela, elungisa enye indawo, ukusuka kwiNtsika Exhase Udonga ukuyokutsho kwigeyithi yomzi kaEliyashibhi+ umbingeleli omkhulu.
21 Ngapha kwakhe uMeremoti+ unyana kaUriya unyana kaHakotse wayelungisa enye indawo, ukusuka kwigeyithi yomzi kaEliyashibhi ukuyokutsho ekupheleni kwawo.
22 Ngaphambi kwakhe kwakusebenza ababingeleli, amadoda engingqi yaseYordan.*+ 23 Ngapha kwawo kwakusebenza uBhenjamin noHashubhi phambi kwendlu yabo. Ngapha kwabo kwakusebenza uAzariya unyana kaMahaseya unyana ka-Ananiya kufutshane nendlu yakhe. 24 Ngapha kwakhe uBhinuwi unyana kaHenadadi wayelungisa enye indawo, ukusuka kwindlu ka-Azariya ukuyokutsho kwiNtsika Exhase Udonga+ nasekoneni.
25 Ngapha kwakhe kwakusebenza uPalali unyana kaUzayi phambi kweNtsika Exhase Udonga nakwinqaba edibene neNdlu KaKumkani,+ engasentla kwiYadi Yoonogada.+ Ngapha kwakhe yayinguPedaya unyana kaParoshe.+
26 Bona abasebenzi basetempileni+ ababehlala eOfeli+ babesebenza ukuyokutsho ngaphambi kweGeyithi Yamanzi+ ngasempuma nangakwinqaba evelileyo.
27 Ngapha kwabo kwakusebenza amaTekowa,+ ukusuka ngaphambi kwenqaba evelileyo ukuyokutsho kudonga lweOfeli.
28 Ababingeleli babesebenza entla kweGeyithi Yamahashe,+ ngamnye esebenza ngaphambi kwendlu yakhe.
29 Ngapha kwabo kwakusebenza uTsadoki+ unyana kaImere ngaphambi kwendlu yakhe.
Ngapha kwakhe kwakusebenza uShemaya unyana kaShekaniya, ongunogada weGeyithi YaseMpuma.+
30 Ngapha kwakhe kwakusebenza uHananiya unyana kaShelemiya noHanuni unyana wesithandathu kaTsalafu.
Ngapha kwakhe kwakusebenza uMeshulam+ unyana kaBherekiya ngaphambi kweholo yakhe.
31 Ngapha kwakhe kwakusebenza uMalekiya, omnye wabakhandi begolide, ukuyokutsho kwindlu yabasebenzi basetempileni*+ noosomashishini, ngaphambi kweGeyithi Yokuhlolwa nakwigumbi lekona eliseluphahleni.
32 Abakhandi begolide noosomashishini babesebenza kwindawo ephakathi kwegumbi lekona eliseluphahleni neGeyithi Yeegusha.+