Hezekile
23 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, kwakukho abafazi ababini, iintombi zomfazi omnye.+ 3 Babethengisa ngomzimba eYiputa;+ bathengisa ngomzimba ukususela ebutsheni babo. Amabele abo ayecofa-cofwa apho, kuphatha-phathwa nezifuba zabo ngoxa babengazange balala nandoda. 4 Amagama abo yayinguOhola* omdala, no-Oholibha* udadewabo. Baba ngabam baza bazala oonyana neentombi. UOhola yiSamariya,+ uOholibha yena yiYerusalem.
5 “UOhola wathengisa ngomzimba,+ ngoxa wayesengowam. Warhorhozela emva kwezithandwa zakhe,+ ama-Asiriya awayekufutshane.+ 6 Yayingabalawuli abambethe eziluhlaza* namasekela-baphathi, bonke bengabafana abanqwenelekayo abakhwele amahashe. 7 Waqhubeka ethengisa ngomzimba kubo bonke oonyana baseAsiriya abaziinzwana, wazingcolisa+ ngezithixo ezenyanyekayo* zabo wayebakhanuka. 8 Akazange ayeke ukuthengisa ngomzimba eYiputa, kuba ebutsheni bakhe babelala naye, bemphatha-phatha isifuba sakhe ngoxa wayengazange walala nandoda, bethululela inkanuko yabo* kuye.+ 9 Ngoko ndamnikela esandleni sezithandwa zakhe, oonyana baseAsiriya,+ abo wayebakhanuka. 10 Batyhila ubuze bakhe,+ bathimba oonyana neentombi zakhe,+ baza bambulala ngekrele. Waduma kakubi ebafazini, baza bamgweba.
11 “Wathi akuyibona loo nto udadewabo uOholibha, yaqatsela inkanuko yakhe, waza wathengisa ngomzimba ngaphezu kodadewabo.+ 12 Watshisekela ukulala nabamelwane bakhe abangoonyana baseAsiriya,+ abalawuli namasekela-baphathi awayambethe ezingayiwayo, ekhwele amahashe, bonke bengabafana abanqwenelekayo. 13 Wathi akuzingcolisa, ndabona ukuba bobabini bahambe ngendlela enye.+ 14 Kodwa yena waqatsela ekuthengiseni ngomzimba. Wabona amadoda azotywe eludongeni, imifanekiso yamaKhaledi eyayizotyiwe yaza yaqatywa bomvu, 15 ebhinqe amabhanti esinqeni, ethwele amalaphu aphephezelayo entloko, ebonakala ngathi ngamakroti, onke efana noonyana baseBhabhiloni, abazalelwe kwilizwe lamaKhaledi. 16 Wabakhanuka zisuka nje emva kokuba ebabonile, waza wathumela abathunywa kubo kwelamaKhaledi.+ 17 Ngoko oonyana baseBhabhiloni baqhubeka besiza kuye, kwibhedi yakhe yothando, bamngcolisa ngenkanuko yabo.* Emva kokuba bemngcolisile, wemka kubo esenyanya.
18 “Xa waqhubeka ethengisa ngomzimba, engenazintloni yaye etyhila ubuze bakhe,+ ndemka kuye ndisenyanya, kanye njengokuba ndemkayo kudadewabo ndisenyanya.+ 19 Waqatsela ekuthengiseni ngomzimba,+ ekhumbula imihla yobutsha bakhe, xa wayethengisa ngomzimba kwilizwe laseYiputa.+ 20 Wazikhanuka izithandwa zakhe okwabafazi abakhanuka* amadoda anamalungu obudoda afana naweedonki nanamalungu enzala afana nawamahashe. 21 Wawulangazelela izinto ezimanyumnyezi zobutsha bakho owawuzenza eYiputa+ xa babekuphatha-phatha isifuba, amabele obutsha bakho.+
22 “Ngoko ke, Oholibha, ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ndiza kukufunza ngezithandwa zakho,+ ezo uzilahlileyo usenyanya, ibe ndiza kuzithumela kuwe zisuka macala onke,+ 23 oonyana baseBhabhiloni+ nawo onke amaKhaledi,+ amadoda asePekodi,+ eShowa naseKowa, kunye nabo bonke oonyana baseAsiriya. Bonke ngabafana abanqwenelekayo, abalawuli namasekela-baphathi, amakroti nabachongiweyo,* bonke bekhwele amahashe. 24 Baza kukuhlasela ngeenqwelo zemfazwe, ngamavili nangemikhosi emikhulu, ngekhaka elikhulu nelincinci nangesigcina-ntloko. Baza kukurhangqa, ibe ndiza kubanika igunya lokukugweba, bakugwebe ngendlela abafuna ngayo.+ 25 Ndiza kukubonisa indlela endinomsindo ngayo, bona bawukhuphele kuwe owabo. Baza kukuqhawula impumlo neendlebe, baze abashiyekileyo bawe ngekrele. Baza kubathatha oonyana neentombi zakho, baze abashiyekileyo baqwengwe ngumlilo.+ 26 Baza kukuhluba iimpahla zakho+ baze bathimbe izacholo zakho* ezihle.+ 27 Ndiza kuziphelisa ezi zinto zimanyumnyezi uzenzayo nokuthengisa kwakho ngomzimba,+ okwaqala kwilizwe laseYiputa.+ Uza kuyeka ukuyijonga, ibe soze uphinde uyikhumbule iYiputa.’
28 “Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Ndiza kukunikela ezandleni zabo ubacaphukelayo, abo wabashiyayo usenyanya.+ 29 Baza kukuhlasela kuba bekucaphukela, bathathe yonke into oyisebenzele nzima+ baze bakushiye uze yaye ubhencekile. Ihlazo lokuziphatha kakubi kwakho, lezinto ezimanyumnyezi ozenzayo nelokuthengisa kwakho ngomzimba liza kubhenceka.+ 30 Ezi zinto ziza kwenziwa kuwe kuba uye walandela iintlanga njengomfazi othengisa ngomzimba,+ waza wazingcolisa ngezithixo zazo ezenyanyekayo.+ 31 Uhambe ngendlela kadadewenu,+ ngoko ndiza kuyibeka esandleni sakho indebe yakhe.’+
32 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova:
‘Uza kuyisela indebe enzulu nebanzi kadadewenu,+
Kuhlekiswe ngawe uze ube sisisulu sezithuko, ezigcwele kuloo ndebe.+
33 Uza kusela indebe kadadewenu, iSamariya,
Uza kunxila uve nentlungu,
Usele indebe yokoyika nentshabalalo.
34 Kuza kufuneka uyisele uze uyifince,+ ukrekrethe amaqhekeza ayo odongwe,
Uze uncothule amabele akho.
“Kuba mna ndithethile,” itsho iNkosi enguMongami uYehova.’
35 “Ngoko ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Ngenxa yokuba undilibele waza awandihoya,*+ uza kuthwala imiphumo yezinto ezimanyumnyezi ozenzileyo nokuthengisa kwakho ngomzimba.’”
36 Emva koko uYehova wathi kum: “Nyana womntu, uza kumazisa na uOhola no-Oholibha+ ngesigwebo sabo uze ubaxelele ngezinto ezenyanyekayo abazenzileyo? 37 Bakrexezile,*+ ibe izandla zabo zinegazi. Abanelanga nje ukukrexeza nezithixo zabo ezenyanyekayo, kodwa noonyana babo ababazalele mna babingelele* ngabo emlilweni bakukutya kwazo.+ 38 Ngaphezu koko, nantsi into abayenzileyo kum: Bayingcolisile ingcwele yam ngaloo mini, neesabatha zam bazingcolisa. 39 Emva kokuba bexhele oonyana babo besenzela izithixo zabo ezenyanyekayo,+ baye beza nasengcweleni yam ngaloo mini ukuze bayingcolise.+ Ezo zinto bazenze ngaphakathi endlini yam. 40 Bade bathumela ukuba kuye kulandwa amadoda avela kude.+ Athi xa esiza, wahlamba, waqaba amehlo akho waza wanxiba izinto zokuhomba.+ 41 Wahlala phezu kwesofa yodidi+ ekwakukho itafile phambi kwayo,+ wabeka isiqhumiso esiqholiweyo+ neoli yam phezu kwayo.+ 42 Kwakuvakala isandi segquba lamadoda akhululekileyo apho, phakathi kwawo kukho amanxila awayeziswe evela entlango. Anxibisa abafazi izacholo ezandleni nezithsaba ezihle entloko.
43 “Emva koko ndathi ngalowo ugugiswe kukukrexeza:* ‘Ngoku uza kuqhubeka ethengisa ngomzimba.’ 44 Ngoko aqhubeka esiya kuye, kanye njengaxa umntu esiya kumfazi othengisa ngomzimba. Ayesiya ngolo hlobo kuOhola nakuOholibha, abafazi abenza izinto ezimanyumnyezi. 45 Kodwa amadoda angamalungisa aza kumgweba ngesigwebo sokukrexeza*+ nesokuchitha igazi;+ kuba bangabakrexezikazi, nezandla zabo zinegazi.+
46 “Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Baza kuziselwa umkhosi ukuze ubenze babe yinto eyoyikekayo nento yokuphangwa.+ 47 Loo mkhosi uza kubabetha ngamatye+ uze ubaxabele ngamakrele awo. Uza kubulala oonyana neentombi zabo,+ nezindlu zabo uzitshise.+ 48 Ndiza kuziphelisa izinto ezimanyumnyezi ezenziwa kweli lizwe, yaye bonke abafazi baza kufunda isifundo, bangazilinganisi izinto ezimanyumnyezi enizenzayo.+ 49 Uza kunizisela imiphumo yezenzo zenu ezimanyumnyezi nezono zenu enizenza kwizithixo zenu ezenyanyekayo; niza kutsho nazi ukuba ndiyiNkosi enguMongami uYehova.’”+