Genesis
40 Emva kwayo yonke loo nto, umphathi wabangcamli+ bakakumkani waseYiputa nomphathi wababhaki bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa. 2 Amcaphukisa uFaro la magosa akhe mabini, umphathi wabangcamli nomphathi wababhaki,+ 3 waza wabaphosa kwijele esendlini yomphathi woonogada,+ apho wayevalelwe khona uYosefu.+ 4 Emva koko, umphathi woonogada wabeka uYosefu ukuba abe kunye nabo aze abahoye,+ yaye lahamba ixesha* besejele.
5 Umngcamli nombhaki kakumkani waseYiputa, ababevalelwe kule jele, baphupha ngobusuku obunye, abe amaphupha abo engathethi nto ifanayo. 6 Kusasa, uYosefu wafika bebonakala bekhathazekile. 7 Ngoko wawabuza la magosa kaFaro awayebanjwe kunye naye endlini yenkosi yakhe, esithi: “Kutheni ninxubile nje namhlanje?” 8 Athi: “Sobabini siye saphupha, kodwa ke ngoku asinatoliki.” UYosefu wathi: “AyingoThixo na otolikayo?+ Khanindibalisele.”
9 Umphathi wabangcamli wambalisela uYosefu iphupha lakhe, esithi: “Ephupheni lam, ndibone umthi weediliya uphambi kwam. 10 Kulo mthi bekukho amasetyana amathathu. Uthe xa uhluma amathupha, wadubula, kwaphuma izihlahla ezineediliya ezivuthiweyo. 11 Esandleni sam bekukho indebe kaFaro, ndazithatha ezo diliya ndazikhamela kuyo. Emva koko ndayibeka esandleni sikaFaro.” 12 Wathi ke uYosefu kuye: “Nantsi into ethethwa leli phupha: La masetyana mathathu ziintsuku ezintathu. 13 Kwiintsuku ezintathu ukususela ngoku, uFaro uza kukukhulula,* akubuyisele kwisikhundla sakho,+ yaye uza kubeka indebe kaFaro esandleni sakhe njengoko ubusenza ngokuya ubungumngcamli wakhe.+ 14 Kodwa ke uze undikhumbule xa izinto zikuhambela kakuhle. Ndicela uze undibonise uthando olungagungqiyo, uthethe ngam kuFaro, ukuze ndiphume kule ndawo. 15 Enyanisweni ndaxhwilwa elizweni lamaHebhere,+ yaye nalapha akukho nto ndiyenzileyo ebangela ukuba bandivalele ejele.”*+
16 Xa umphathi wababhaki wabonayo ukuba uYosefu uchaze ukuba kuza kwenzeka izinto ezintle, wathi: “Nam bendiphuphile, ndiphuphe ndithwele iibhaskithi ezintathu ezinesonka esimhlophe. 17 Kwibhaskithi engaphezulu bekukho zonke iintlobo zezinto ezibhakiweyo zikaFaro, kukho iintaka ezityayo kuyo.” 18 Wamphendula ke uYosefu wathi: “Nantsi into ethethwa leli phupha: Ezi bhaskithi zintathu ziintsuku ezintathu. 19 Kwiintsuku ezintathu ukususela ngoku, uFaro uza kukunqumla intloko,* akuxhome esibondeni, zize iintaka ziyitye inyama yakho.”+
20 Ngolo suku lwesithathu ke yayingumhla wokuzalwa kukaFaro,+ yaye wazenzela itheko zonke izicaka zakhe, waza wakhupha* umphathi wabangcamli nomphathi wababhaki, phambi kwezicaka zakhe. 21 Wambuyisela umphathi wabangcamli esikhundleni sakhe sokuba ngumngcamli, waqhubeka enika uFaro indebe. 22 Kodwa wamxhoma umphathi wababhaki, kanye njengoko uYosefu wayetshilo.+ 23 Kodwa ke umphathi wabangcamli akazange amkhumbule uYosefu. Wayesoloko emlibala.+