Hoseya
Yhini ndlu kaSirayeli, mamela,
Mamela nawe ndlu kakumkani,
Kuba nibaliwe kumgwebo;
Kuba nisisirhintyelo eMizpa
Nomnatha owanekwe eTibhore.+
3 Ndiyamazi uEfrayim,
Yaye uSirayeli akafihlekanga kum.
4 Izenzo zabo azibavumeli babuyele kuThixo wabo,
Kuba bathanda ukuthengisa ngomzimba,*+
Yaye abamboneli ntweni uYehova.
5 Ukuba nekratshi kukaSirayeli kuyammangalela;+
USirayeli noEfrayim baye bakhubeka kwisiphoso sabo.
Ibe uYuda ukhubeke kunye nabo.+
6 Bahambe bekhangela uYehova bekunye nomhlambi wabo weegusha noweenkomo,
Kodwa khange bamfumane.
Uye wabashiya.+
Ngoku baza kuqwengwa kunye nezabelo zabo* ngenyanga nje enye.
8 Vuthelani uphondo+ eGibheya, ixilongo eRama!+
Hlabani umkhosi eBhete-aven,+ emva kwakho Bhenjamin!
9 Owu Efrayim, uza kuba yinto eyoyikekayo ngemini yokohlwaywa.+
Ndiyenze yaziwa into eza kwenzeka kwizizwe zakwaSirayeli.
10 Iinkosana zakwaYuda zifana nabo babhekelisa umda.+
Umsindo wam ndiza kuwugalela kubo njengamanzi.
13 Xa uEfrayim wabona isifo sakhe, noYuda isilonda sakhe,
UEfrayim waya kwiAsiriya+ waza wathumela umyalezo kukumkani omkhulu.
Kodwa akakwazanga kukuphilisa,
Akakwazanga kusinyanga isilonda sakho.
Mna ndiza kubadlavula babe ziziqwenga ndize ndimke;+
Ndiza kubasusa, yaye akukho mntu uza kubasindisa.+
15 Ndiza kuhamba ndibuyele endaweni yam de bayifumane imiphumo yetyala labo,
Xa besentlungwini, baza kundifuna.”+