Eyesibini YeziKronike
13 Ngonyaka we-18 kaKumkani uYerobhoham, uAbhiya waba ngukumkani wakwaYuda.+ 2 Walawula iminyaka emithathu eYerusalem. Igama likamama wakhe lalinguMikaya+ intombi kaUriyeli waseGibheya.+ Yaye kwakukho imfazwe phakathi kuka-Abhiya noYerobhoham.+
3 UAbhiya waya emfazweni nomkhosi wamakroti aqeqeshiweyo* ayi-400 000.+ Yena uYerobhoham walungela ukulwa enamadoda aqeqeshiweyo* angamakroti ayi-800 000. 4 UAbhiya wayokuma kwiNtaba YeTsemarayim, ekummandla weentaba wakwaEfrayim, wathi: “Ndimamele Yerobhoham nawe wonke Sirayeli. 5 Anazi na ukuba uYehova uThixo kaSirayeli wanika uDavide ulawulo kwaSirayeli ngonaphakade,+ walunika yena noonyana bakhe+ ngesivumelwano setyiwa?*+ 6 Kodwa uYerobhoham+ unyana kaNebhati, isicaka sikaSolomon unyana kaDavide, wasuka wayidelela inkosi yakhe.+ 7 Amadoda adinga into yokwenza, oongantweni, aqhubeka esiba ngakuye. Ayenamandla kunoRehobhoham unyana kaSolomon, xa wayesemncinci, engekabi nasibindi, yaye akazange akwazi ukumelana nawo.
8 “Ngoku nicinga ukuba niza kumelana nobukumkani bukaYehova obusesandleni soonyana bakaDavide, kuba nje nibaninzi yaye ninamathole egolide awanenzela wona uYerobhoham ukuba abe ngoothixo.+ 9 Anibagxothanga na ababingeleli bakaYehova,+ inzala ka-Aron, nagxotha nabaLevi, ibe khange na nizikhethele abenu ababingeleli njengabantu bamanye amazwe?+ Nabani na obesiza nethole lenkomo eliyinkunzi neenkunzi zeegusha ezisixhenxe, ebeba ngumbingeleli wezinto ezingengabo oothixo. 10 Thina ke, uYehova nguThixo wethu,+ yaye asimshiyanga. Ababingeleli bethu, inzala ka-Aron, benza umsebenzi kaYehova, ibe abaLevi bayabancedisa emsebenzini. 11 Baqhumisela uYehova umnikelo otshiswayo qho kusasa naxa kusihlwa,+ kwanesiqhumiso esiqholiweyo.+ Isonka sibekwe etafileni*+ yegolide esulungekileyo, yaye bakhanyisa isiphatho sezibane segolide+ nezibane zaso qho kusihlwa,+ kuba siphumeza indima yethu esiyinikwe nguYehova uThixo wethu, kodwa nina nimshiyile. 12 Jongani apha! uThixo wokwenene unathi, uyasikhokela nababingeleli bakhe namaxilongo ahlabe umkhosi ukuba silwe nani. Yhini madoda akwaSirayeli, sanukulwa noYehova uThixo wookhokho benu, kuba soze niphumelele.”+
13 Kodwa uYerobhoham wathumela abantu ukuba babalalele ngasemva, kangangokuba baba ngaphambi koYuda ngoxa abo babemlalele baba semva kwakhe. 14 Athi akujika amadoda akwaYuda, abona ukuba kufuneka alwe idabi ngaphambili nangasemva. Akhala kuYehova,+ ngoxa ababingeleli babewakhalisela phezulu amaxilongo. 15 Amadoda akwaYuda ahlaba umkhosi, athi ehlaba umkhosi, uThixo wokwenene wamoyisa uYerobhoham naye wonke uSirayeli phambi kuka-Abhiya noYuda. 16 AmaSirayeli abaleka emka phambi kukaYuda, yaye uThixo wawanikela esandleni sabo. 17 UAbhiya nabantu bakhe babulala abantu abaninzi kuwo, yaye amaSirayeli aqhubeka esithi waca, amadoda ayi-500 000 aqeqeshiweyo.* 18 Ngelo xesha amadoda akwaSirayeli athotywa, kodwa amadoda akwaYuda angqineka enamandla kuba athembela* ngoYehova uThixo wookhokho bawo.+ 19 UAbhiya waqhubeka emleqa uYerobhoham waza wathimba izixeko kuye, iBheteli+ needolophu eziphantsi kwayo,* iYeshana needolophu eziphantsi kwayo, ne-Efrayin+ needolophu eziphantsi kwayo. 20 UYerobhoham zange aphinde awafumane amandla akhe olawulo ngemihla ka-Abhiya. Emva koko uYehova wambetha waza wafa.+
21 UAbhiya waya esomelela. Ekuhambeni kwexesha wazithathela abafazi abayi-14,+ waza waba noonyana abayi-22 neentombi eziyi-16. 22 Yonke enye imbali ka-Abhiya, izinto awazenzayo namazwi akhe, zibhalwe kwiingxelo* zomprofeti uIdo.+