Duteronomi
17 “Animele ninikele kuYehova uThixo wenu ngenkunzi yenkomo okanye igusha enesiphene okanye enayo nantoni na embi, kuba uYehova uThixo wenu uyayenyanya loo nto.+
2 “Masithi kukho indoda okanye umfazi kwesinye sezixeko uYehova uThixo wenu aninika zona, owenza izinto ezimbi phambi koYehova uThixo wenu aze ophule isivumelwano sakhe,+ 3 ajike akhonze abanye oothixo aze aqubude kubo okanye kwilanga, inyanga, nazo zonke izinto ezisezulwini,+ nto leyo endingakhange ndithi yenzeni.+ 4 Xa niyixelelwa loo nto nifanele niyiphande ngokucokisekileyo. Ukuba nyhani yenzekile+ loo nto yenyanyekayo kwaSirayeli, 5 loo ndoda okanye umfazi owenze loo nto imbi umele asiwe kwigeyithi yesixeko, abethwe ngamatye de afe.+ 6 Loo mntu angabulawa ngobungqina babantu ababini okanye abathathu.+ Kodwa makangabulawa ngobungqina bomntu omnye.+ 7 Xa ebulawa umele aqale agityiselwe ngamangqina, kuze kulandele abanye abantu. Nimele nibususe ububi phakathi kwenu.+
8 “Ukuba kuvela ityala ekunzima ukuligweba kwesinye sezixeko zenu, nokuba lityala lokubulala, isimangalo, ubundlobongela obenziweyo+ okanye ezinye izinto ekuphikiswana ngazo, nimele niye kwindawo ayikhethileyo uYehova uThixo wenu.+ 9 Nize niye kubabingeleli abangabaLevi nakumntu oza kube eyijaji+ ngelo xesha, nibuze kubo yaye bona baza kunixelela isigqibo.+ 10 Nimele nenze ngokwesigqibo abanixelele sona bekulaa ndawo ikhethwe nguYehova. Qinisekani ukuba niyazenza izinto abaniyalele zona. 11 Nimele nenze ngokomthetho abanibonise wona nangokwesigqibo abanixelele sona.+ Nize ningemki kwisigqibo abanixelele sona, niye ekunene okanye ekhohlo.+ 12 Umntu oye wanekratshi, akammamela umbingeleli osebenzela uYehova uThixo wenu, okanye akayimamela ijaji umele afe.+ Nimele nibususe ububi kwaSirayeli.+ 13 Bonke abantu baza kuva baze boyike, batsho bayeke ukuba nekratshi.+
14 “Xa ningenile kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu, yaye sele nihlala kulo nize nithi, ‘Masizikhethele ukumkani njengeentlanga ezisingqongileyo,’+ 15 nize nincede nibeke ukumkani okhethwe nguYehova uThixo wenu.+ Loo kumkani nimele nimkhethe kubantakwenu. Anivumelekanga ukuba nikhethe umntu wasemzini ongenguye umntakwenu. 16 Kodwa ke aze angazifuneli amahashe amaninzi+ okanye abuyisele abantu eYiputa ukuze afumane angakumbi,+ kuba uYehova uthe, ‘Ningaze niphinde nihambe ngale ndlela nibuyele eYiputa.’ 17 Makangazifuneli nabafazi abaninzi, ukuze intliziyo yakhe ingaphumi endleleni.+ Makangaziqokeleleli isilivere negolide eninzi.+ 18 Xa engena esihlalweni sobukumkani umele azikhuphelele encwadini* uMthetho ohlala kubabingeleli abangabaLevi.+
19 “Loo ncwadi imele ihlale ikuye, ayifunde yonke imihla yobomi bakhe,+ ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakhe aze athobele onke amazwi alo Mthetho nale miyalelo.+ 20 Ngoko intliziyo yakhe ayizukubaphakamela abantakwabo, aze angasuki kulo myalelo aye ekunene okanye ekhohlo, ukuze alawule ixesha elide kwaSirayeli, yena noonyana bakhe.