Kubalisa uMarko
16 Emva kweSabatha,+ uMariya Magadala, noMariya+ umama kaYakobi, noSalome, bathenga iziqholo ukuze bathambise umzimba kaYesu.+ 2 Kwathi xa kusisa, ngosuku lokuqala lweveki, beza engcwabeni.*+ 3 Bathetha bodwa, besithi: “Siza kuliqengqelwa ngubani ilitye lisuke kumnyango wengcwaba?” 4 Bathi bakuphakamisa amehlo, babona ukuba liqengqiwe lasuka, nangona lalilikhulu kakhulu.+ 5 Bangena engcwabeni, babona umfana ehleli ngasekunene, enxibe umwunduzo omhlophe, bothuka. 6 Wathi kubo: “Sanukothuka.+ Ndiyazi ukuba nifuna uYesu umNazarete obebethelelwe esibondeni. Akekho apha. Uvusiwe.+ Jongani, nantsi indawo abebembeke kuyo.+ 7 Hambani, niyokuxelela abafundi bakhe noPetros, nithi, ‘Sele ephambili, uya eGalili,+ niza kumfumana apho, kanye njengokuba wayenixelele.’”+ 8 Ngoko baphuma engcwabeni, babaleka, bengcangcazela kukothuka. Abazange baxelele mntu ngaloo nto, kuba babesoyika.*+