Eyesibini KaSamuweli
16 Akugqitha kancinci nje kwinkcochoyi uDavide,+ wayelapho uTsibha+ isicaka sikaMefiboshete+ eze kumhlangabeza kunye needonki ezimbini ezifakwe iisali, zithwele izonka eziyi-200, izonka zeerasintyisi eziyi-100, izonka zeziqhamo zasehlotyeni* eziyi-100, kunye nengqayi enkulu yewayini.+ 2 Ukumkani wathi kuTsibha: “Uzizisele ntoni ezi zinto?” UTsibha wathi: “Iidonki ziza kukhwelwa lusapho lukakumkani, isonka neziqhamo zasehlotyeni ziza kutyiwa ngabafana, yona iwayini iza kuselwa ngabo badiniweyo entlango.”+ 3 Ukumkani wathi: “Uphi unyana* wenkosi yakho?”+ UTsibha wathi: “UseYerusalem, kuba uthe, ‘Namhlanje indlu kaSirayeli iza kulubuyisela kum ulawulo lwasebukhosini lukatata.’”+ 4 Ukumkani wathi kuTsibha: “Jonga! Yonke into kaMefibhoshete yeyakho.”+ UTsibha wathi: “Ndiyaqubuda phambi kwakho. Kwanga ndingathandeka kuwe, nkosi yam kumkani.”+
5 Akufika eBhahurim uKumkani uDavide, kwaphuma indoda yentsapho kaSawule, enguShimeyi,+ unyana kaGera, emkhwaza ngezithuko njengoko esondela.+ 6 Wayegibisela uDavide ngamatye, egibisela nabo bonke abakhonzi bakaKumkani uDavide, bonke abantu nawo onke amadoda anamandla awayengasekunene nangasekhohlo kwakhe. 7 UShimeyi wayethukisela esithi: “Hamba apha, hamba apha, ndodandini enetyala legazi! Lo ngantweni! 8 UYehova ulibuyisele kuwe lonke ityala legazi lendlu kaSawule, lo ulawula esikhundleni sakhe, kodwa uYehova unikela ubukumkani esandleni sika-Abhisalom unyana wakho. Ngoku ufikelwe yintlekele, ngenxa yokuba uyindoda enetyala legazi!”+
9 UAbhishayi unyana kaTseruya+ wathi kukumkani: “Kutheni le nja ifileyo+ iza kuthuka inkosi yam ukumkani nje?+ Ndicela undivumele ndiwele, ndiyinqumle intloko.”+ 10 Kodwa ukumkani wathi: “Ndinantoni yakwenza nani, bonyana bakaTseruya?+ Myeke andithuke,+ kuba uYehova uthe kuye,+ ‘Mqalekise uDavide!’ Ngoko ngubani omele athi, ‘Kutheni usenza le nto?’” 11 UDavide waphinda wathi kuAbhishayi nakuzo zonke izicaka zakhe: “Nanku unyana wam, owaphuma apha kum, ezingela ubomi bam.*+ Bekuya kubeka phi ke kumBhenjamin!+ Myekeni andithuke, kuba uthunywe nguYehova! 12 Mhlawumbi uYehova uza kuyibona intlungu yam,+ yaye uYehova uza kundibuyisela ngokulunga endaweni yezithuko endizifumeneyo namhlanje.”+ 13 UDavide waqhubeka ehamba namadoda akhe, ngoxa uShimeyi wayehamba ecaleni kwentaba, engqamene naye, emtsho ngezithuko+ yaye emgibisela ngamatye nangothuli oluninzi.
14 Ekugqibeleni ukumkani nabo bonke abantu ababekunye naye bafika kwindawo ababesiya kuyo bediniwe, baza bazihlaziya.
15 Ngelo xesha uAbhisalom nawo onke amadoda akwaSirayeli bafika eYerusalem, noAhitofele+ wayekunye naye. 16 Akufika kuAbhisalom, uHushayi+ umArki,+ umhlobo kaDavide, wathi kuAbhisalom: “Makaphile ngonaphakade ukumkani!+ Makaphile ngonaphakade ukumkani!” 17 UAbhisalom wathi: “Yindlela omthanda ngokungagungqiyo ngayo le umhlobo wakho? Kutheni ungahambanga nomhlobo wakho?” 18 UHushayi wathi: “Hayi, mna ndikwicala lalowo ukhethwe nguYehova, nesi sizwana, nawo onke amadoda akwaSirayeli. Ndiza kuhlala naye. 19 Kwakhona ndithi, Ndifanele ndisebenzele bani? Ayingonyana wakhe na? Njengokuba ndamsebenzelayo utata wakho, ndiza kukusebenzela nawe.”+
20 UAbhisalom wathi kuAhitofele: “Ndicebise.+ Sifanele senze ntoni?” 21 UAhitofele wathi: “Lala nabafazi bakatata wakho,*+ aba abashiyileyo ukuze bahoye indlu.*+ Emva koko wonke uSirayeli uza kuva ukuba uzenze wanuka kakubi kutata wakho, yaye abo bakuxhasayo baza komelela.” 22 Ngoko bammisela intente uAbhisalom phezu kophahla,+ waza walala nabanye abafazi bakatata wakhe*+ phambi koSirayeli wonke.+
23 Ngaloo mihla, amacebiso ka-Ahitofele+ ayejongwa njengelizwi likaThixo wokwenene.* Ayenjalo onke amacebiso ka-Ahitofele kuDavide nakuAbhisalom.