IiNdumiso
INCWADI YESIHLANU
(IiNdumiso 107-150)
2 Mabathethe loo mazwi abo basindiswe* nguYehova,
Abo abasindise esandleni sotshaba,*+
3 Awabaqokelela ebathatha emazweni,+
Empumalanga nasentshonalanga,
Emntla nasemzantsi.+
4 Babhadula entlango, enkqantosini,
Abafumana ndlela iya kwisixeko ababenokuhlala kuso.
8 Abantu mabambulele uYehova+ ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyo
Nangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.+
10 Abanye babefathula entsunguzini yobumnyama,
Bengamabanjwa entlungu yaye bebotshelelwe ngeentsimbi.
12 Ngoko wabayekela ebunzimeni ukuze zithobeke iintliziyo zabo;+
Bakhubeka, akwabakho mntu ubancedayo.
13 Bakhala kuYehova bemcela ukuba abancede kwiingxaki zabo;
Wabasindisa kwiingxaki zabo.
15 Abantu mabambulele uYehova ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyo+
Nangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.
19 Babekhala kuYehova bemcela ukuba abancede kwiingxaki zabo;
Wabasindisa kwiingxaki zabo.
21 Abantu mabambulele uYehova ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyo
Nangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.
23 Abo bahamba elwandle ngeenqanawa,
Beshishina embindini wolwandle,+
24 Bayibonile imisebenzi kaYehova
Nemisebenzi yakhe emangalisayo enzulwini yolwandle;+
25 Indlela ovuthuza ngayo umoya wakuva ilizwi lakhe,+
Unyusa amaza olwandle.
26 Bayenyuka baye esibhakabhakeni,
Behle baye emazantsi.
Kuphela isibindi* kubo ngenxa yentlekele ezayo.
30 Bayavuya xa ezola,
Aze uThixo abakhokelele kwizibuko abafuna ukuya kulo.
31 Abantu mabambulele uYehova ngenxa yothando lwakhe olungagungqiyo
Nangenxa yemisebenzi emangalisayo ayenzela oonyana babantu.+
33 Ujika imilambo ibe yintlango,
Imithombo yamanzi ibe ngumhlaba owomileyo,+
34 Nelizwe elineziqhamo libe lelomileyo,+
Ngenxa yezinto ezimbi ezenziwa ngabo bahlala kulo.
39 Kodwa liphinda lehle inani labo baze bahlazeke
Ngenxa yokucinezelwa, nokwehlelwa ziintlekele neentlungu.