Isaya
4 Ngaloo mini abafazi abasixhenxe baza kubambelela endodeni enye,+ besithi:
“Siza kutya isonka sethu
Size sinxibe iimpahla zethu;
Kuphela nje masibizwe ngegama lakho
2 Ngaloo mini, oko uYehova akuchumisayo kuza kuba kuhle kuzuke, yaye iziqhamo zelizwe ziza kuba liqhayiya nobuhle kwabo basindileyo kwaSirayeli.+ 3 Nabani na oseseZiyon noshiyekileyo eYerusalem, kuza kuthiwa ungcwele, nabo bonke abaseYerusalem ababhalwe phantsi ukuze baphile ubomi.+
4 Xa uYehova ehlamba ubunyhukunyhuku beentombi* zaseZiyon,+ ecoca negazi elichithwe eYerusalem ngamandla okugweba namandla okutshisa,*+ 5 uYehova uza kudala phezu kweNtaba YeZiyon naphezu kwendawo yendibano, ilifu kunye nomsi emini, nomlilo odangazelayo ebusuku;+ kuba phezu kwalo lonke uzuko kuza kubakho ikhusi. 6 Kwaye kuza kubakho ikhusi lomthunzi emini ukwenzela ubushushu,+ nendawo yokubalekela nokusithela kwisaqhwithi nasemvuleni.+