Eyesibini KaSamuweli
17 UAhitofele wathi kuAbhisalom: “Ndicela undivumele ndikhethe amadoda ayi-12 000, ndize ndileqe uDavide ngobu busuku. 2 Ndiza kumfikela edinwe kakhulu kwaye engenamandla.*+ Ndiza kumenza aphakuzele, bonke abantu abakunye naye baza kuphela emehlweni, kwaye ndiza kuxabela ukumkani qha.+ 3 Emva koko, ndiza kubabuyisela kuwe bonke abantu. Kaloku ukubuya kwabo kuxhomekeke kwinto eza kwenzeka kwindoda osemva kwayo. Emva koko, bonke abantu baza kuba seluxolweni.” 4 Lalilihle ke eli cebiso kuAbhisalom nakubo bonke abadala bakwaSirayeli.
5 Kodwa ke, uAbhisalom wathi: “Khanincede nibize noHushayi+ umArki, khe sive ukuba yena uthini.” 6 UHushayi wangena kuAbhisalom. UAbhisalom wathi: “Nali icebiso lika-Ahitofele. Siyenze na le nto ayicebisayo? Ukuba uthi hayi, sixelele elakho.” 7 Wathi uHushayi kuAbhisalom: “Icebiso lika-Ahitofele alifanelekanga okwangoku!”+
8 UHushayi wathi: “Nawe ngokwakho umazi kakuhle utata wakho namadoda akhe, ukuba banamandla,+ yaye ngoku bangenza nantoni na,* oku kwemazi yebhere elahlekelwe ngamantshontsho endle.+ Enye into, utata wakho likroti,+ akazukuchitha busuku ekunye nabantu. 9 Sithetha nje uzifihle komnye wemiqolomba* okanye kwenye nje indawo.+ Ukuba yena uhlasela kuqala, abo bayivayo loo nto, baza kuthi, ‘Abantu abalandela uAbhisalom boyisiwe!’ 10 Kwanendoda enesibindi, enentliziyo enjengeyengonyama,+ nakanjani iza koyika, kuba wonke uSirayeli uyazi ukuba utata wakho yindoda enamandla,+ yaye namadoda akunye naye anesibindi. 11 Elam icebiso lithi: Makuqokelelwe onke amaSirayeli aziswe kuwe, ukususela kwaDan ukuya eBher-shebha,+ abe maninzi njengesanti engaselwandle,+ emva koko uwakhokele ayokulwa. 12 Siza kulwa naye nokuba ufunyenwe phi, yaye siza kuba phezu kwakhe kanye njengombethe owa phezu komhlaba. Akukho nokuba abe mnye oza kusinda, nokuba nguye okanye ngamadoda akunye naye. 13 Ukuba ubalekela esixekweni, onke amaSirayeli aza kuza neentambo kweso sixeko, asirhuqele entlanjeni, de kungashiyeki nelitye eli.”
14 UAbhisalom nawo onke amadoda akwaSirayeli bathi: “Icebiso likaHushayi umArki lingcono+ kunecebiso lika-Ahitofele!” Kuba uYehova wayezimisele* ukulenza lingasebenzi icebiso lika-Ahitofele elalisengqiqweni,+ ukuze uYehova amzisele intlekele uAbhisalom.+
15 Ethubeni uHushayi wathi kuTsadoki noAbhiyatare+ ababingeleli: “Nali icebiso uAhitofele alinike uAbhisalom nabadala bakwaSirayeli, mna ke ndacebisa ndenjenje. 16 Ngoku ke khawulezani, thumelani ilizwi kuDavide, nimlumkise nithi, ‘Sukuhlala emazibukweni* asentlango ngobu busuku, kodwa qiniseka ukuba uyawela, kungenjalo ukumkani nabantu bonke akunye nabo basenokutshayelwa bangabikho.’”*+
17 UYonatan+ noAhimahatse+ babehlala e-En-rogele,+ ngoko isicakakazi sahamba saya kubaxelela, baza bona bahamba bayokuxelela uKumkani uDavide, kuba kwakungafuneki babonwe bengena esixekweni. 18 Kodwa ke, omnye umfana wababona waza wayokuxelela uAbhisalom. Ngoko bobabini bakhawuleza bemka baya endlini yendoda yaseBhahurim,+ eyayinequla eyadini yayo. Bangena kulo behla bayokutsho ezantsi, 19 waza umfazi waloo ndoda walogquma iqula ngento, emva koko wafumba iinkozo ezingqushiweyo phezu kwalo. Akakho umntu owayiqondayo loo nto. 20 Izicaka zika-Abhisalom zaya endlini yala mfazi, zambuza zathi: “Uphi uAhimahatse noYonatan?” Lo mfazi wathi: “Badlule apha besiya ngasemanzini.”+ Loo madoda abakhangela, kodwa awazange abafumane, ngoko abuyela eYerusalem.
21 Emva kokuba emkile loo madoda, uAhimahatse noYonatan baphuma equleni, bahamba bayokuxelela uKumkani uDavide. Bathi kuye: “Vukani nize ngokukhawuleza niwele emanzini, kuba uAhitofele ucebise wathi ngani.”+ 22 Ngoko nangoko uDavide nabantu bonke ababekunye naye, baphakama baza bayiwela iYordan. Kuthe kusisa, kwabe kungekho mntu ungayiwelanga iYordan.
23 Uthe uAhitofele akubona ukuba icebiso lakhe alithathwanga, wafaka isali edonkini, waya endlini yakhe kwidolophu yakowabo.+ Emva kokunika indlu yakhe imiyalelo,+ wazixhoma.*+ Ngoko ke wafa waza wangcwatyelwa kwindawo yokungcwaba yootatomkhulu bakhe.
24 Ngelo xesha, uDavide waya eMahanayim,+ yena uAbhisalom wawela iYordan, nawo onke amadoda akwaSirayeli. 25 UAbhisalom wabeka uAmasa+ wangumphathi-mkhosi, endaweni kaYowabhi.+ UAmasa wayengunyana wendoda egama linguItra umSirayeli, owalala noAbhigali+ intombi kaNahashe, udadeboTseruya, umama kaYowabhi. 26 USirayeli noAbhisalom bamisa inkampu kwilizwe laseGiliyadi.+
27 Kamsinya nje akufika uDavide eMahanayim, uShobhi unyana kaNahashe waseRabha+ yama-Amoni, noMakire+ unyana ka-Amiyeli waseLo-debhare, noBharzilayi+ umGiliyadi waseRogelim 28 bazisa iibhedi, izitya, izitya zodongwe, ingqolowa, irhasi, umgubo, iinkozo ezigcadiweyo, iimbotyi ezinkulu, iilentile, iinkozo ezomisiweyo, 29 ubusi, ibhotolo, iigusha netshizi.* Bazizisa kuDavide nabantu ababekunye naye ukuze batye,+ kuba bathi: “Abantu balambile, badiniwe, yaye banxaniwe entlango.”+