Eyokuqala YooKumkani
22 Kwadlula iminyaka emithathu kungekho mfazwe phakathi kweSiriya noSirayeli. 2 Ngonyaka wesithathu uKumkani uYehoshafati+ wakwaYuda wehla waya kukumkani wakwaSirayeli.+ 3 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kwizicaka zakhe: “Niyazi na ukuba iRamoti-giliyadi+ yeyethu? Kodwa siyathandabuza ukuyithatha kukumkani waseSiriya.” 4 Ngoko wathi kuYehoshafati: “Ndicela uhambe nam siyokulwa eRamoti-giliyadi.” UYehoshafati wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Mna nawe sibanye. Abantu bam ngabantu bakho. Namahashe am ngamahashe akho.”+
5 Kodwa uYehoshafati wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawubuzise kuqala+ ukuba uYehova uthini ngale nto.”+ 6 Ngoko ukumkani wakwaSirayeli waqokelela abaprofeti, amadoda amalunga ne-400, wathi kubo: “Ndiye na emfazweni eRamoti-giliyadi, okanye ndingayi?” Bathi: “Yiya, yaye uYehova uza kuyinikela kuwe.”
7 Kodwa uYehoshafati wathi: “Akakho na omnye umprofeti kaYehova apha? Masibuzise nakuye.”+ 8 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYehoshafati: “Isekho enye indoda enokusibuzela kuYehova;+ kodwa ndiyayicaphukela,+ kuba ayiprofeti zinto zintle ngam, zizinto ezimbi zodwa.+ NguMikaya unyana kaImla.” Kodwa uYehoshafati wathi: “Ukumkani makangathethi ngolo hlobo.”
9 Ngoko ukumkani wakwaSirayeli wabiza igosa lendlu kakumkani, wathi: “Khawuleza uze noMikaya+ unyana kaImla.” 10 Ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda babehleli ezitroneni zabo, benxibe iimpahla zasebukhosini, kwibala lokubhula ngakwigeyithi yaseSamariya, yaye bonke abaprofeti babeprofeta phambi kwabo.+ 11 UZedekiya unyana kaKenahana wazenzela iimpondo zentsimbi waza wathi: “Uthi uYehova, ‘Uza kuwahlaba* ngazo amaSiriya de uwatshabalalise.’” 12 Bonke abanye abaprofeti babeprofeta ngokufanayo, besithi: “Nyuka uye eRamoti-giliyadi, uza kuphumelela; uYehova uza kuyinikela kuwe.”
13 Umthunywa owayeye kubiza uMikaya wathi kuye: “Jonga! Bonke abanye abaprofeti bathe ukumkani uza kuphumelela. Nawe ke ndicela uthethe kakuhle njengabo.”+ 14 Kodwa uMikaya wathi: “Ephila nje uYehova, nantoni na uYehova andixelela yona, ndiza kuthetha yona.” 15 Emva koko weza kukumkani, waza ukumkani wambuza wathi: “Mikaya, siye na emfazweni eRamoti-giliyadi, okanye singayi?” Ngoko nangoko wathi: “Yiya, uza kuphumelela; uYehova uza kuyinikela kuwe.” 16 Wathi ukumkani kuye: “Ndimele ndikufungise kangaphi ukuba ungathethi nantoni na ngaphandle kwenyani kum egameni likaYehova?” 17 Ngoko wathi: “Ndibona onke amaSirayeli ethe saa ezintabeni+ njengeegusha ezingenamalusi. UYehova wathi: ‘Aba abanayo inkosi. Ngoko ngamnye makagoduke ngoxolo.’”
18 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYehoshafati: “Bendingatshongo na kuwe ndathi, ‘Akazukuprofeta izinto ezintle ngam, kodwa ezimbi zodwa’?”+
19 UMikaya wathi: “Ngoko ke live ilizwi likaYehova: Ndibone uYehova ehleli etroneni yakhe,+ engqongwe nguwo wonke umkhosi wamazulu, ngasekunene nangasekhohlo.+ 20 UYehova wathi, ‘Ngubani oza kumqhatha uAhabhi, ukuze anyuke ayokufela eRamoti-giliyadi?’ Omnye wathetha le, omnye wathetha leya. 21 Emva koko kusuke omnye umoya*+ weza ngaphambili wema phambi koYehova wathi, ‘Mna ndiza kumqhatha.’ UYehova wabuza wathi, ‘Uza kumqhatha njani?’ 22 Wona wathi, ‘Ndiza kuphuma ndibe ngumoya oqhathayo emlonyeni wabo bonke abaprofeti bakhe.’+ Ngoko wathi, ‘Uza kumqhatha, ibe uza kuphumelela. Phuma uze wenze ngaloo ndlela.’ 23 Lilonke ke, uYehova ubeke umoya oqhathayo emlonyeni wabo bonke aba baprofeti bakho,+ kodwa uYehova ukumisele intlekele.”+
24 UZedekiya unyana kaKenahana wasondela kuMikaya wamqhwaba ngempama wathi: “Udlule njani kum umoya kaYehova waya kuthetha nawe?”+ 25 UMikaya wathi: “Jonga! Uza kubona ukuba udlule njani kuwe mhla waya kuzifihla kwelona gumbi lingaphakathi.” 26 Emva koko ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Thathani uMikaya nimse kuAmon umphathi wesixeko nakuYowashe unyana kakumkani. 27 Nize nithi kubo, ‘Uthi ukumkani: “Valelani lo mfo ejele,+ nisinciphise isonka namanzi akhe de ndibuye ndiseluxolweni.”’” 28 Kodwa uMikaya wathi: “Ukuba uye wabuya useluxolweni, woba uYehova akathethanga nam.”+ Waphinda wathi: “Ze niwakhumbule la mazwi, nonke nina zizwana.”
29 Ngoko ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda benyuka baya eRamoti-giliyadi.+ 30 Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYehoshafati: “Ndiza kuzenza ngathi ndingomnye umntu, ndiye edabini, kodwa wena nxiba iimpahla zakho zasebukhosini.” Ngoko ukumkani wakwaSirayeli wazenza ngathi ungomnye umntu,+ waya edabini. 31 Yena ukumkani waseSiriya, wayeyalele abaphathi beenqwelo zakhe abayi-32+ wathi: “Ze ningalwi naye nabani na ongomnye, omncinci okanye omkhulu, ngaphandle kokumkani wakwaSirayeli.” 32 Yaye bakumbona nje abaphathi beenqwelo uYehoshafati, bathi: “Ngokuqinisekileyo ngukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko bayokulwa naye, waza uYehoshafati wakhala ecela uncedo. 33 Bathi bakubona abaphathi beenqwelo ukuba akanguye ukumkani wakwaSirayeli, bayeka ngoko nangoko ukumlandela.
34 Kodwa enye indoda yasuka yatola nje esithubeni ngesaphetha sayo, yagqobhoza kwisambatho sentsimbi sikakumkani wakwaSirayeli. Ukumkani wathi kumqhubi wenqwelo yakhe: “Yijike inqwelo siphume edabini,* kuba ndenzakele kakhulu.”+ 35 Laya liqina idabi ngaloo mini, yaye ukumkani kwafuneka agcinwe emile enqwelweni, ejonge ngakumaSiriya. Inxeba lalisopha ngaphakathi enqwelweni, waza wafa ngaloo ngokuhlwa.+ 36 Xa kurhatyelayo kwavakala ilizwi enkampini, lisithi: “Umntu makaye esixekweni sakhe! Umntu makaye elizweni lakhe!”+ 37 Kwaba njalo ke ukufa kukakumkani, waziswa eSamariya waza wangcwatyelwa khona. 38 Xa babehlamba inqwelo yokulwa kwichibi laseSamariya, izinja zakhotha igazi lakhe, nabafazi abathengisa ngomzimba behlambela apho,* njengokuba uYehova wayetshilo.+
39 Enye imbali ka-Ahabhi, konke awakwenzayo nendlu* yamabamba eendlovu+ awayakhayo nazo zonke izixeko awazakhayo, ayibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaSirayeli? 40 UAhabhi walala kookhokho bakhe;+ yaye uAhaziya+ unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.
41 UYehoshafati+ unyana ka-Asa waba ngukumkani wakwaYuda ngonyaka wesine kaKumkani uAhabhi wakwaSirayeli. 42 UYehoshafati wayeneminyaka eyi-35 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-25 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguAzubha intombi kaShilehi. 43 Waqhubeka esenza zonke izinto ezazisenziwa nguAsa+ utata wakhe. Akazange aziyeke, ibe wenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova.+ Kodwa ke, iindawo eziphakamileyo azizange zichithwe, nabantu babesaqhubeka bebingelela, beqhumisa nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo.+ 44 UYehoshafati wayeseluxolweni nokumkani wakwaSirayeli.+ 45 Enye imbali kaYehoshafati, amandla akhe nendlela awalwa ngayo iimfazwe, ayibhalwanga na encwadini yembali yamaxesha ookumkani bakwaYuda? 46 Kwakhona wawaphelisa kwelo lizwe onke amadoda athengisa ngomzimba etempileni awayeshiyeke+ ngemihla ka-Asa utata wakhe.+
47 Kwakungekho kumkani kwaEdom,+ kwakuphethe isekela.+
48 UYehoshafati wenza neenqanawa zaseTarshishe* ukuze ziye kuthatha igolide eOfire,+ kodwa azizange ziye kuba zaphuka e-Etsiyon-gebhere.+ 49 Kungelo xesha awathi uAhaziya unyana ka-Ahabhi kuYehoshafati: “Izicaka zam mazihambe nezicaka zakho ngeenqanawa,” kodwa uYehoshafati akazange avume.
50 UYehoshafati walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa nookhokho bakhe+ kwisiXeko SikaDavide ukhokho wakhe; yaye uYehoram+ unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.
51 UAhaziya+ unyana ka-Ahabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya ngonyaka we-17 kaKumkani uYehoshafati wakwaYuda, yaye walawula kwaSirayeli iminyaka emibini. 52 Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, esenza izinto ezazisenziwa ngutata+ nomama wakhe,+ nezazisenziwa nguYerobhoham unyana kaNebhati, owabangela uSirayeli ukuba one.+ 53 Waqhubeka ekhonza uBhahali,+ equbuda kuye, yaye waqhubeka emcaphukisa uYehova uThixo kaSirayeli,+ kanye njengokuba wenzayo notata wakhe.