Levitikus
13 UYehova waqhubeka wathi kuMoses noAron: 2 “Ukuba umntu uyadumba, uphuma ukhwekhwe okanye ibala emzimbeni, ekusenokwenzeka ukuba sisifo seqhenqa,*+ loo mntu umele aziswe kuAron umbingeleli okanye komnye woonyana bakhe abakwangababingeleli.+ 3 Umbingeleli uza kusihlolisisa eso sifo sisemzimbeni wakhe. Ukuba unwele olukwindawo enesifo luye lwajika lwaba mhlophe, ibe nesifo sibonakala sigqithele ngapha kolusu lwakhe, sisifo seqhenqa eso. Umbingeleli wosihlolisisa, aze athi loo mntu akacocekanga. 4 Kodwa ukuba ibala liye lamhlophe emzimbeni wakhe, ibe libonakala lingagqithanga ngapha kolusu, nonwele lungajikanga lwaba mhlophe, umbingeleli womhlalisa yedwa loo mntu unesifo iintsuku ezisixhenxe.+ 5 Ngosuku lwesixhenxe uza kumhlolisisa. Ukuba kubonakala ngathi eso sifo siphelile yaye khange sinwenwe emzimbeni waloo mntu, umbingeleli uza kuphinda amhlalise yedwa ezinye iintsuku ezisixhenxe.
6 “Umbingeleli ufanele aphinde amhlole loo mntu ngosuku lwesixhenxe, yaye ukuba isifo siyaphela yaye asinwenwanga, uza kuthi loo mntu ucocekile.+ Ibilukhwekhwe nje olo. Loo mntu uza kuzihlamba iimpahla zakhe aze acoceke. 7 Kodwa ukuba ukhwekhwe* luye lwanwenwa emzimbeni emva kokuvela phambi kombingeleli ukuze kubonwe enoba ucocekile na, uza kuza kwakhona* kumbingeleli. 8 Umbingeleli uza kuluhlolisisa ukhwekhwe. Ukuba luye lwanwenwa emzimbeni, uza kuthi loo mntu akacocekanga. Liqhenqa elo.+
9 “Ukuba umntu uba nesifo seqhenqa, umele asiwe kumbingeleli, 10 aze umbingeleli amhlolisise.+ Ukuba udumbile, nolusu lumhlophe yaye kukho unwele olujike lwaba mhlophe, kube kukho nesilonda,+ 11 uneqhenqa elinganyangekiyo. Umbingeleli uza kuthi loo mntu akacocekanga. Ufanele angamhlalisi yedwa+ kuba akacocekanga. 12 Ukuba iqhenqa liphume kulo lonke ulusu lwaloo mntu, kwaye likuwo wonke umzimba, ukuqala entloko ukuya kutsho elunyaweni, ngokokubona kombingeleli, 13 waza umbingeleli wabona ukuba linwenwele kulo lonke ulusu lwakhe, uza kuthi loo mntu obenesifo ucocekile.* Usuke nje waba mhlophe wonke yaye ucocekile. 14 Kodwa nanini na kuvela isilonda kulusu, uza kuba ngongacocekanga. 15 Xa umbingeleli ebona isilonda enyameni yaloo mntu, uza kuthi akacocekanga.+ Eso silonda asicocekanga. Liqhenqa elo.+ 16 Kodwa ukuba isilonda siphinda sibe mhlophe, uza kuya kumbingeleli. 17 Umbingeleli uza kumhlolisisa loo mntu,+ yaye ukuba isilonda siye sajika saba mhlophe, umbingeleli uza kuthi ucocekile.
18 “Ukuba umntu uphuma ithumba emzimbeni wakhe lize liphole, 19 kodwa kuloo ndawo ibinethumba kwabakho ukhwekhwe olumhlophe bubomvu, umele aye kumbingeleli. 20 Umbingeleli uza kulihlolisisa,+ yaye ukuba lugqithele ngapha kolusu, lwaza nonwele olukuloo ndawo lwajika lwamhlophe, uza kuthi loo mntu akacocekanga. Sisifo seqhenqa eso esiye saphuma kwithumba. 21 Kodwa ukuba umbingeleli uthe ekuhlolisiseni kwakhe, akabona lunwele lumhlophe kuloo ndawo inokhwekhwe, yaye alugqithelanga ngapha kolusu kwaye lubonakala luphela, uza kumhlalisa yedwa loo mntu iintsuku ezisixhenxe.+ 22 Kodwa ukuba luye lwanwenwa kakhulu emzimbeni, umbingeleli uza kuthi loo mntu akacocekanga. Sisifo eso. 23 Kodwa ukuba ibala likwindawo enye ibe alinwenwi, yimbulaphu yethumba leyo. Umbingeleli uza kuthi ucocekile.+
24 “Okanye ukuba emzimbeni unesilonda esingekapholi esibangelwe kukutsha, yaye siba nebala elimhlophe bubomvu okanye elimhlophe, 25 umbingeleli uza kulihlolisisa elo bala. Ukuba unwele olulapho lutshintshe lwamhlophe, kwaye ibala libonakala ligqithele ngapha kolusu, liqhenqa elo. Livele kwisilonda. Umbingeleli uza kuthi loo mntu akacocekanga. Sisifo seqhenqa eso. 26 Kodwa ukuba umbingeleli ekuhlolisiseni kwakhe akabonanga lunwele lumhlophe kwibala elo yaye aligqithelanga ngapha kolusu kwaye liyaphola, uza kumhlalisa yedwa loo mntu iintsuku ezisixhenxe.+ 27 Umbingeleli uza kumhlolisisa ngosuku lwesixhenxe, yaye ukuba kuye kwacaca ukuba ibala linwenwile, uza kuthi akacocekanga. Sisifo seqhenqa eso. 28 Kodwa ukuba ibala likwindawo enye ibe alinwenwi futhi liyaphola, kukudumba nje kwesilonda oko. Umbingeleli uza kuthi ucocekile, kuba yimbulaphu yesilonda leyo.
29 “Xa endodeni okanye emfazini kuvela isifo entloko okanye esilevini, 30 umbingeleli uza kusihlolisisa eso sifo.+ Ukuba sibonakala sigqithele ngapha kolusu, yaye kukho neenwele eziyephuyephu ezityheli, umbingeleli uza kuthi loo mntu akacocekanga. Sisifo esisentlonzini eso okanye ezindevini. Liqhenqa lasentloko okanye lasesilevini. 31 Kodwa ukuba umbingeleli uthe xa ehlolisisa isifo entloko, wabona ukuba asigqithelanga ngapha kolusu yaye azikho mnyama iinwele kuso, ufanele amhlalise yedwa loo mntu unesifo iintsuku ezisixhenxe.+ 32 Umbingeleli uza kusihlolisisa eso sifo ngosuku lwesixhenxe. Ukuba isifo asinwenwanga, futhi akukho zinwele zityheli, yaye sibonakala singagqithelanga ngapha kolusu, 33 loo mntu ufanele azichebe iinwele okanye iindevu zakhe, kodwa angayichebi indawo enesifo. Emva koko umbingeleli uza kumhlalisa yedwa iintsuku ezisixhenxe.
34 “Umbingeleli uza kuphinda ayihlolisise indawo enesifo ngosuku lwesixhenxe. Ukuba isifo esisentlonzini nasezindevini asinwenwanga, yaye sibonakala singagqithelanga ngapha kolusu, umbingeleli uza kuthi loo mntu ucocekile. Loo mntu ufanele ayihlambe impahla yakhe aze acoceke. 35 Kodwa ukuba kuyabonakala ukuba isifo siyanwenwa eluswini emva kokucocwa, 36 umbingeleli uza kumhlolisisa. Ukuba isifo siye sanwenwa eluswini, akukho mfuneko ngombingeleli ukukhangela iinwele ezityheli. Loo mntu akacocekanga. 37 Kodwa ukuba uthe xa esihlolisisa wabona ukuba asinwenwanga yaye kukhule iinwele ezimnyama, isifo siphelile. Loo mntu ucocekile ibe umbingeleli uza kuthi ucocekile.+
38 “Ukuba kuvela amabala emzimbeni wendoda okanye owomfazi, yaye loo mabala amhlophe, 39 umbingeleli uza kuwahlolisisa.+ Ukuba loo mabala aya ephela aze abe mhlophe, ngamaqhakuva amancinci nje lawo angenabungozi. Loo mntu ucocekile.
40 “Ukuba indoda imkelwa ziinwele ize ibe nempandla, icocekile. 41 Ukuba imkelwa ziinwele ngaphambili entloko ize ibe nempandla, icocekile. 42 Kodwa ukuba kuvela isilonda esimhlophe-bubomvu ngaphambili empandleni yayo okanye ebunzi, liqhenqa elo. 43 Umbingeleli uza kuyihlolisisa loo ndoda. Ukuba eso silonda sidumbileyo singaphambili empandleni okanye ebunzi siba mhlophe-bubomvu yaye sibonakala ngathi liqhenqa elisentlonzini, 44 loo ndoda ineqhenqa. Ayicocekanga. Umbingeleli uza kuthi ayicocekanga ngenxa yesifo esisentloko. 45 Lowo unesifo seqhenqa, uza kunxiba iimpahla ezikrazuliweyo, ayiyeke idlaka-dlaka intloko yakhe. Uza kuzogquma emlonyeni* ngelaphu aze akhwaze athi, ‘Andicocekanga, andicocekanga!’ 46 Uza kuhlala engacocekanga ngalo lonke ixesha eneso sifo. Kuba engacocekanga, uza kuhlala yedwa. Uza kuhlala ngaphandle kwenkampu.+
47 “Ukuba isifo seqhenqa sosulela impahla, enoba yenziwe ngoboya okanye ngelinen, 48 enoba kusemisontweni yelinen okanye eyoboya, nokuba kusefeleni okanye kuyo nantoni na eyenziwe ngofele, 49 yaye ukuba impahla, ufele, imisonto okanye isiqwenga sofele ziba nebala eliluhlaza butyheli okanye elibomvu, yosulelwe liqhenqa, zimele ziboniswe umbingeleli. 50 Umbingeleli uza kusihlolisisa eso sifo, aze ayihlalise yodwa loo nto inesifo iintsuku ezisixhenxe.+ 51 Xa umbingeleli ehlola loo mpahla inesifo ngosuku lwesixhenxe yaye uyabona ukuba sinwenwile kuyo nakwimisonto okanye kufele (nokuba olo fele lusetyenziswa entwenini), liqhenqa eliqatseleyo elo yaye loo mpahla ayicocekanga.+ 52 Umbingeleli ufanele ayitshise loo mpahla okanye loo misonto yenziwe ngoboya okanye ngelinen okanye nasiphi na isiqwenga sofele esineso sifo, kuba sisifo seqhenqa eliqatseleyo. Ifanele itshiswe ngomlilo loo mpahla.
53 “Kodwa ukuba umbingeleli uthe xa ehlolisisa, wabona ukuba isifo asinwenwanga kuloo mpahla okanye kwimisonto okanye kwisiqwenga sofele, 54 uza kuyalela ukuba ihlanjwe loo nto inesifo aze ayihlalise yodwa ezinye iintsuku ezisixhenxe. 55 Umbingeleli uza kuphinda ayihlolisise emva kokuba ihlanjwe kakuhle. Ukuba kusabonakala ukuba ayitshintshanga inkangeleko yesifo, enoba asinwenwanga, loo mpahla ayicocekanga. Ufanele uyitshise ngomlilo kuba idlekile, enoba ngaphakathi okanye ngaphandle.
56 “Kodwa ukuba umbingeleli uye wayihlolisisa loo mpahla yaye indawo enesifo imbatshile emva kokuba ihlanjwe kakuhle, uza kuyikrazula ayisuse loo ndawo kuloo mpahla okanye kufele okanye kwimisonto. 57 Kodwa ukuba isifo sivela kwenye indawo kuloo mpahla okanye kuloo misonto okanye nakwisiphi na isiqwenga sofele, eso sifo siyanwenwa yaye ufanele uyitshise ngomlilo nayiphi na impahla enaso.+ 58 Kodwa ukuba isifo asisekho kuloo mpahla oye wayihlamba okanye kwimisonto okanye nakwesiphi na isiqwenga sofele, imele ihlanjwe okwesibini yaye iza kucoceka.
59 “Lo ngumthetho wesifo seqhenqa elisempahleni eyenziwe ngoboya okanye ngelinen, okanye eliba kwimisonto okanye efeleni, ochaza ukucoceka nokungacoceki.”