IiNdumiso
EkaDavide.
2 Ndive xa ndikucenga ndikhalela uncedo,
Xa ndiphakamisela izandla zam ngakwelona gumbi liphakathi lendawo yakho engcwele.+
3 Ungandirhuqi kunye nabenzi-bubi, abenzakalisa abanye,+
Abo bathetha amazwi oxolo ebantwini, ngoxa beceba inkohlakalo ezintliziyweni zabo.+
Bavuze ngokwemisebenzi yezandla zabo,
Ngokwezinto abazenzileyo.+
Uza kubadiliza aze angaphindi abakhe.
6 Makadunyiswe uYehova,
Kuba undivile xa bendimcenga ndicela uncedo.
Uye wandinceda, waza wayivuyisa intliziyo yam,
Ngoko ndiza kumdumisa ngengoma yam.
8 UYehova ungamandla okusindisa abantu bakhe;
Uyindawo ekhuselekileyo yokusindisa umthanjiswa wakhe.+
9 Basindise abantu bakho, ulisikelele ilifa lakho.+
Baluse uze ubathwale ngeengalo zakho ngonaphakade.+