Yobhi
4 Waphendula wathi ke uElifazi+ umTeman:
2 “Awuzukukruquka na ukuba umntu uthetha nawe?
Ngubani onokuzibamba angathethi?
3 Ewe kona, ulungise abaninzi,
Ibe ubukade ubomeleza ababuthathaka.
4 Ububaxhasa abakhubekayo ngamazwi akho;
Ubuwaqinisa amadolo angenamandla.
6 Akukuniki sibindi na kanti ukuhlonipha uThixo?
Akukuniki themba na ukungasoleki kwakho?+
7 Khawukhe ucinge nawe: Wawukhe wambona phi umntu omsulwa etshabalala?
Wawukhe wambona umntu olungileyo etshatyalaliswa?
8 Into endiyaziyo mna kukuba abo batyala inkathazo
Nabo balima isidubedube baza kuvuna into efanayo.
9 Bavuthelwa nje nguThixo batshabalale,
Ngokugqabhuka nje komsindo wakhe, kuyaphela ngabo.
10 Nokuba ingonyama ingagquma ize ibhavume kangakanani,
Amazinyo ayo ayophuka.
11 Ingonyama iyafa xa kungekho xhoba,
Aze athi saa amathole ayo.
12 Kukho into endiyixelelwe emfihlekweni,
Ndayisetyezelwa endlebeni.
13 Ebusuku, xa abanye bebekobude ubuthongo,
Ndiye ndaba nemibono eyothusayo,
14 Ndangcangcazela luloyiko,
Luvakala nasemathanjeni am.
15 Kuye kwadlula umoya ebusweni bam,
Ndaba namanwele.
16 Emva koko loo moya uye wema ngxi,
Kodwa bendingawuboni kakuhle.
Bekukho isithinzi phambi kwam,
Kwathi nkcwe, ndaza ndeva ilizwi lisithi:
17 ‘Umntu nje ofayo angalunga ngaphezu koThixo na kakade?
Khona, umntu angacoceka ngaphezu koMdali?’
19 Kobeka phi ke ngabo bahlala ezindlini zodongwe,
Ezineziseko eziseluthulini,+
Abatyumzeka lula oku kwenundu!*
20 Batyunyuzwa ngokupheleleyo ukususela kusasa ukuya kutsho ngokuhlwa;
Batshabalala ngonaphakade, kungabikho nomntu oqaphelayo.
21 Bafana nje nentente ekutsalwe iintambo zayo yawohloka.
Bafa bengenabulumko.