Amosi
3 “Liveni eli lizwi alithethileyo uYehova ngani maSirayeli, ngayo yonke intsapho endayikhupha elizweni laseYiputa:
2 ‘Bendisazi nina kuphela kuzo zonke iintsapho zomhlaba.+
Yiloo nto ndiza kuniphendulisa ngazo zonke iziphoso zenu.+
3 Bakhe bahambe kunye na ababini bengakhange bavumelane?
4 Ikhe igqume na ingonyama ehlathini ingenaxhoba?
Ikhe igragrame na esikhundleni sayo ingabambanga nto?
5 Ikhe ingene na emgibeni intaka kungekho nto iyitsalayo?
Uyenyuka na emhlabeni umgibe ungabambisanga nto?
6 Abangcangcazeli na abantu esixekweni xa kuvuthelwa uphondo?
Xa kusehla intlekele esixekweni, ayingoYehova na oyibangeleyo?
7 Kuba iNkosi enguMongami uYehova ayizukwenza nto
Ingakhange ibachazele umcimbi wayo oyimfihlo abakhonzi bayo abaprofeti.+
8 Ingonyama igqumile!+ Ngubani na ongazukoyika?
INkosi enguMongami uYehova ithethile! Ngubani na ongazukuprofeta?’+
9 ‘Yivakaliseni le nto kwiinqaba ezikhuselekileyo zaseAshdode
Nakwiinqaba ezikhuselekileyo kwilizwe laseYiputa.
Yithini: “Qokelelanani ezintabeni zaseSamariya,+
Nibone izidubedube ezininzi ezikuyo
Nobuqhophololo obukuyo.+
10 Abakwazi kwenza nto ilungileyo,” utsho uYehova,
“Abo bagcwalisa iinqaba zabo ezikhuselekileyo ngezinto abazoxuthe ngobundlobongela.”’
11 Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova,
‘Utshaba luza kujikeleza ilizwe,+
Luza kuwagqiba tu amandla akho,
Neenqaba zakho ezikhuselekileyo ziza kuphangwa.’+
12 Uthi uYehova,
‘Kanye njengokuba umalusi exhwila emlonyeni wengonyama amanqina amabini kuphela okanye isijungqe nje sendlebe,
Aza kuba mbalwa ngaloo ndlela amaSirayeli aza kuxhwilwa,
Lawo ahlala eSamariya kwiibhedi ezimbejembeje nakwizingqengqelo zodidi.’*+
13 ‘Yivani nize nilumkise indlu kaYakobi,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, uThixo wemikhosi.
14 ‘Kuba, ngemini endiza kumphendulisa ngayo uSirayeli ngenxa yokungathobeli kwakhe,+
Ndiza kuziphendulisa nezibingelelo zaseBheteli;+
Iimpondo zesibingelelo ziza kunqunyulwa zize ziwele emhlabeni.+
15 Ndiza kuyidiliza indlu yasebusika kunye nendlu yasehlotyeni.’