Estere
7 Ukumkani noHaman+ bangena kwisidlo sikaKumkanikazi uEstere. 2 Ngosuku lwesibini, xa kwakuselwa iwayini, ukumkani waphinda wathi kuEstere: “Yintoni oyidingayo Kumkanikazi Estere? Uza kuyifumana! Ucela ntoni? Nokuba ungacela ihafu yobukumkani bam, uza kuyinikwa!”+ 3 UKumkanikazi uEstere waphendula wathi: “Owu kumkani, ukuba uyandithanda, yaye ukuba kulungile kukumkani, ndicelela ubomi bam, ndicelela nabantu bakowethu.+ 4 Kuba sithengisiwe,+ mna nabantu bakowethu, ukuba sibulawe size sitshatyalaliswe.+ Ukuba besithengiswe ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana kuphela, ngendiye ndathula. Kodwa eli sikizi alimele livunyelwe, kuba liza kumchana ukumkani.”
5 UKumkani uAhaswerosi wathi kuKumkanikazi uEstere: “Ngubani lowo, iphi loo ndoda inesibindi sokwenza into enjalo?” 6 UEstere wathi: “Utshaba sesi sikhohlakali singuHaman.”
UHaman wamoyika ukumkani nokumkanikazi. 7 Ukumkani waphakama enomsindo waphuma kwisidlo waya kumyezo wendlu kakumkani, kodwa uHaman waphakama ukuze acengele ubomi bakhe kuKumkanikazi uEstere, kuba wabona ukuba ukumkani uzimisele ukumohlwaya. 8 Ukumkani wabuya emyezweni waya endlini yesidlo. Wabona ukuba uHaman wayeziphose kwisitulo esimfuma-mfuma awayekuso uEstere. Ukumkani wakhwaza wathi: “Tyhini, uHaman uza kude adlwengule nokumkanikazi endlini yam?” Athi akuphuma loo mazwi emlonyeni kakumkani, bogqunywa ubuso bukaHaman. 9 Ngoko uHarbhona,+ omnye wamagosa endlu kumkani, wathi: “Enye into, kukho isibonda uHaman asenzele uMordekayi,+ lo weza neendaba ezasindisa ukumkani.+ Simi kwaHaman yaye siziikubhite eziyi-50* ukuphakama.” Akutsho, ukumkani wathi: “Mxhomeni kuso.” 10 Ngoko bamxhoma uHaman kwisibonda awayesilungiselele uMordekayi, watsho wehla umsindo kakumkani.