ABagwebi
5 Ngaloo mini uDebhora+ noBharaki+ unyana ka-Abhinowam bacula le ngoma:+
3 Mamelani, nina bokumkani! Vulani iindlebe, nina balawuli!
Ndiza kuculela uYehova.
Ndiza kumdumisa ngengoma* uYehova,+ uThixo kaSirayeli.+
4 Yehova, xa waphuma eSehire,+
Kummandla wakwaEdom,
Wanyikima umhlaba, akhupha izantyalantyala amazulu,
Amafu atsho ngezantyalantyala zamanzi.
5 Iintaba zanyibilika* phambi kobuso bukaYehova,+
Nkqu neSinayi uqobo,+ phambi kobuso bukaYehova, uThixo kaSirayeli.+
6 Ngemihla kaShamgare+ unyana ka-Anati,
Ngemihla kaYaheli,+ kwakungahanjwa ezindleleni;
Abantu babegwegweleza ngeendlela ezisemacaleni.
7 Kwakungasekho bantu emaphandleni kwaSirayeli;
Kwakungekho bantu, de mna Debhora+ ndaphakama,
Ndaphakama njengomama kwaSirayeli.+
Kwakungabonakali khaka namkhonto,
Phakathi kwaloo maSirayeli ayi-40 000.
Dumisani uYehova!
10 Nina bakhweli beedonki ezibubomvurha,
Nina bahlala kwiikhaphethi ezimfumamfuma,
Nani bahamba endleleni,
Cingisisani!
11 Amazwi abo bakha amanzi avakala kwiindawo zokukha amanzi;
Apho babebalisa ngezenzo zikaYehova zobulungisa,
Izenzo zobulungisa zabantu bakhe abahlala emaphandleni kwaSirayeli.
Basuka abantu bakaYehova behla baya ezigeyithini.
Vuka, vuka, ucule ingoma!+
Phakama, Bharaki!+ Khokela abo ubathimbileyo, nyana ka-Abhinowam!
13 Abo basindileyo behla beza kwabo bazizikhulu;
Abantu bakaYehova behla beza kum ukuze bahlasele abantu abanamandla.
Wathunyelwa entlanjeni* ngeenyawo.+
Abemi bakwaRubhen babegocagoca iintliziyo.
16 Kwakutheni ukuze uhlale phantsi phakathi kweengxowa ezimbini zomthwalo,
Umamele abalusi bedlalela imihlambi iimpempe?+
Kuba abemi bakwaRubhen babegocagoca iintliziyo.
UAshere wahlala ezipholele kunxweme lolwandle,
Wahlala kumazibuko akhe.+
Abazange bathimbe silivere.+
20 Iinkwenkwezi zalwa zisezulwini;
Zalwa noSisera zikwiindawo zazo.
Wanyathela abo banamandla, mphefumlo wam.*
23 ‘Qalekisani iMerozi,’ yatsho ingelosi kaYehova,
‘Qalekisani abemi bayo,
Kuba abakhange beze kumnceda uYehova,
Abamncedanga uYehova ngamagorha abo.’
24 Usikelelekile uYaheli phakathi kwabafazi,+
Umfazi kaHebheri+ umKeni;
Ngoyena usikelelekileyo kubafazi abahlala ezintenteni.
25 Wacela amanzi, wamnika ubisi.
Wamnika ingqaka ngesitya esikhulu.+
26 Wathatha isikhonkwane sentente ngesandla,
Wee hlasi ihamile ngesandla sakhe sasekunene.
Wambethelela uSisera, wayigqobhoza intloko yakhe,
Waziqhekeza waza wazigqobhoza iindlathi zakhe.+
27 Wathi folokohlo phakathi kweenyawo zakhe; wawa wee tywa;
Wawa wathi folokohlo phakathi kweenyawo zakhe;
Wathi folokohlo apho, wee natya oyisiwe.
Kutheni izingqi zeempuphu zenqwelo yakhe zingade zivakale?’+
29 Abalumkileyo kumanenekazi akhe ahloniphekileyo babemphendula;
Naye wayemane eziphendula,
30 ‘Inoba bahlulelana ngezinto abazoxuthileyo,
Intombazana,* amantombazana amabini,* kwigorha ngalinye,
Ilaphu elidayiweyo likaSisera, ilaphu elidayiweyo,
Isambatho esilukiweyo, ilaphu elidayiweyo, izambatho ezilukiweyo ezibini
Eziza kufakwa entanyeni ngabahlaseli.’