Eyesibini YeziKronike
27 UYotham+ wayeneminyaka eyi-25 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-16 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguYerusha intombi kaTsadoki.+ 2 Waqhubeka esenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova, kanye njengotata wakhe u-Uziya.+ Kuphela nje akazange angene etempileni kaYehova.+ Kodwa abantu babesaqhubeka besenza izinto ezimbi. 3 Wakha igeyithi ephezulu yendlu kaYehova,+ yaye wenza nomsebenzi omkhulu kudonga lwaseOfeli.+ 4 Wakha nezixeko+ kummandla weentaba wakwaYuda,+ wakha iindawo ezikhuselekileyo+ neenqaba+ emahlathini. 5 Walwa nokumkani wama-Amoni+ waza ekugqibeleni woyisa, kangangokuba kuloo nyaka ama-Amoni amnika iitalente* zesilivere eziyi-100, iikore* zengqolowa eziyi-10 000, nezerhasi eziyi-10 000. Ama-Amoni aphinda ambhatala okufanayo kunyaka wesibini nakowesithathu.+ 6 UYotham waya esomelela, kuba wabambelela kwiindlela zikaYehova uThixo wakhe.
7 Enye imbali kaYotham, zonke iimfazwe neendlela zakhe, zibhalwe eNcwadini YooKumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.+ 8 Wayeneminyaka eyi-25 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-16 eYerusalem.+ 9 UYotham walala kookhokho bakhe, yaye bamngcwabela kwisiXeko SikaDavide.+ UAhazi unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.+