Eyesibini YooKumkani
11 Xa uAtaliya+ umama ka-Ahaziya ebona ukuba unyana wakhe ufile,+ watshabalalisa wonke umntu oyinzala yasebukhosini.+ 2 Kodwa ke, uYehoshebha intombi kaKumkani uYehoram, udadeboAhaziya, weba uYehowashe+ unyana ka-Ahaziya phakathi koonyana bakakumkani ababeza kubulawa, wasa yena nempelesi yakhe kwigumbi lokulala elingaphakathi. Bamfihla kuAtaliya, ngoko akazange abulawe. 3 Wahlala naye iminyaka emithandathu, efihlwe endlini kaYehova, ngoxa uAtaliya wayelawula kwelo lizwe.
4 Ngonyaka wesixhenxe, uYehoyada wathumela ukuba iintloko zamakhulu oonogada bamaKariya, nezoonogada bendlu kakumkani*+ ziye kuye endlini kaYehova. Wenza isivumelwano nazo, wazifungisa endlini kaYehova ukuba ziza kusigcina, emva koko wazibonisa unyana kakumkani.+ 5 Waziyalela esithi: “Yenzani le nto: Zahluleni nibe ngamaqela amathathu, elokuqala liza kugada ngeSabatha, lize liqinisekise ukuba igadiwe indlu kakumkani,+ 6 iqela lesibini liza kuba kwiGeyithi YesiSeko, lize elesithathu libe kwigeyithi esemva koonogada bendlu kakumkani. Niza kumane nitshintshana ngokugada indlu. 7 Kufuneka amaqela enu amabini abemele angasebenzi ngeSabatha aqiniseke ukuba ahlala eyigadile indlu kaYehova ukuze akhusele ukumkani. 8 Nimele nimrhangqe ukumkani macala onke, ngamnye aphathe izixhobo zakhe. Nabani na ongena phakathi kwenu makabulawe. Hlalani nikunye nokumkani naphi na apho aya khona.”*
9 Iintloko zamakhulu+ zenza ngendlela aziyalele ngayo uYehoyada umbingeleli. Nganye yathatha amadoda ayo awayesebenza ngeSabatha, kunye nalawo ayengasebenzi ngeSabatha, yeza kuYehoyada+ umbingeleli. 10 Umbingeleli wanika iintloko zamakhulu imikhonto namakhaka arawundi awayekade engakaKumkani uDavide, awayesendlini kaYehova. 11 Oonogada bendlu kakumkani+ bema ngeendawo zabo, ngamnye ephethe izixhobo zakhe, besusela kwicala lasekunene lendlu ukuya kwelasekhohlo, ngasesibingelelweni+ nangasendlini, bemrhangqile ukumkani. 12 UYehoyada wamkhupha unyana kakumkani,+ wamthwalisa isithsaba, wambeka neSingqino,*+ bamenza ukumkani baza bamthambisa. Baqhwaba izandla besithi: “Phila ngonaphakade kumkani!”+
13 Wathi xa uAtaliya esiva izingqi zabantu ababalekayo, ngoko nangoko weza ebantwini endlini kaYehova.+ 14 Wafika wabona ukumkani emi apho ecaleni kwentsika ngokwesiko.+ Abaphathi nabakhalisi bamaxilongo+ babengakukumkani, bonke abantu belizwe bevuya, bevuthela namaxilongo. Akuyibona uAtaliya le nto, wakrazula iimpahla zakhe, wakhwaza esithi: “Liyelenqe! Liyelenqe!” 15 Kodwa uYehoyada umbingeleli wayalela iintloko zamakhulu,+ ezo zimiselwe ukuphatha umkhosi, esithi: “Mkhupheni phakathi kwenu, futhi ukuba kukho nabani na omlandelayo, mbulaleni ngekrele!” Kuba umbingeleli wayethe: “Ningambulaleli endlini kaYehova.” 16 Ngoko zamthi nqaku, zaza zambulala xa zifika kwindawo ekungena kuyo amahashe endlini kakumkani.+
17 Emva koko, uYehoyada wenza isivumelwano phakathi kukaYehova nokumkani nabantu,+ sokuba babeza kuhlala bengabantu bakaYehova, wenza nesivumelwano phakathi kukakumkani nabantu.+ 18 Bonke abantu belizwe beza endlini kaBhahali, bazidiliza izibingelelo zakhe, bayikroboza yaziingceba+ imifanekiso yakhe,+ noMatan umbingeleli kaBhahali bambulalela+ phambi kwezibingelelo.
Emva koko, umbingeleli wamisela abantu abaza kuphatha endlini kaYehova.+ 19 Wathatha iintloko zamakhulu,+ oonogada bamaKariya, oonogada bendlu kakumkani,+ nabo bonke abantu belizwe, ukuze bakhaphe ukumkani ukusuka endlini kaYehova ukuya endlini kakumkani, behamba ngendlela yegeyithi yoonogada bendlu kakumkani. Ukumkani wafika wahlala etroneni yookumkani.+ 20 Bonke abantu belizwe bavuya, kwabe kukho ucwangco esixekweni kuba babembulele ngekrele uAtaliya endlini kakumkani.