IiNdumiso
Kumalathisi. Ingoma. Ingoma emnandi.
66 Khwazani nidumisa uThixo kuba noyisile, nonke nina bemi bomhlaba.+
2 Lidumiseni ngengoma* igama lakhe.
Mdumiseni nimzukisa.+
3 Yithini kuThixo: “Zimangalisa ngeyona ndlela izinto ozenzileyo!+
Ngenxa yobukhulu bamandla akho,
Iintshaba zakho ziza koyika phambi kwakho.+
4 Bonke abemi bomhlaba baza kuqubuda kuwe;+
Baza kukudumisa ngengoma;
Baza kulidumisa ngengoma igama lakho.”+ (Selah)
5 Yizani nibone imisebenzi kaThixo.
Ziyamangalisa izinto azenzele oonyana babantu.+
Zasivuyisa izinto awazenzayo.+
7 Ulawula ngamandla akhe ngonaphakade.+
Amehlo akhe ahlala egade iintlanga.+
Abo baneenkani bamele bangaziphakamisi.+ (Selah)
12 Wavumela umntu nje ukuba asicinezele;*
Sadlula emlilweni nasemanzini;
Emva koko, wasizisa kwindawo yokuphumla.
13 Ndiza kuza endlini yakho neminikelo etshiswa ngokupheleleyo;+
Ndiza kuzenza izinto endikuthembise zona,+
14 Endakuthembisa ngemilebe yam+
Nezathethwa ngumlomo wam xa ndandisezingxakini.
15 Ndiza kunikela kuwe iminikelo etshiswa ngokupheleleyo yezilwanyana ezityetyisiweyo,
Ngomsi wombingelelo weenkunzi zeegusha.
Ndiza kunikela ngeenkunzi zeenkomo nezeebhokhwe. (Selah)
17 Ndakhalela kuye ngomlomo wam,
Ndamzukisa ngolwimi lwam.
20 Makadunyiswe uThixo, ongakhange awufulathele umthandazo wam,
Okanye andivimbe uthando lwakhe olungagungqiyo.