Yeremiya
35 Ilizwi elafika kuYeremiya livela kuYehova ngemihla kaYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi: 2 “Hamba uye endlini yamaRekabhi,+ uthethe nawo, uwase kwelinye lamagumbi okutyela endlini kaYehova, uwaphe iwayini asele.”
3 Ngoko ke, ndamthatha uYahazaniya unyana kaYeremiya unyana kaHabhatsiniya, abantakwabo, oonyana bakhe bonke, nayo yonke indlu yamaRekabhi, 4 ndabangenisa endlini kaYehova. Ndabasa kwigumbi lokutyela loonyana bakaHanan, unyana kaIgedaliya, indoda yoThixo wokwenene, elalisecaleni kwegumbi lokutyela leenkosana, elaliphezu kwegumbi lokutyela likaMahaseya unyana kaShalum unogada wasemnyango. 5 Emva koko ndabeka izitya neendebe ezigcwele iwayini phambi kwamadoda endlu yamaRekabhi, ndathi kuwo: “Selani.”
6 Kodwa athi: “Asizukuyisela, kuba uYehonadabhi*+ unyana kaRekabhi, ukhokho wethu, wasinika lo myalelo, ‘Nina noonyana benu ningaze nisele wayini. 7 Nize ningakhi ndlu, nityale mbewu, nizifumanele okanye nityale ntsimi yadiliya. Kunoko nimele niqhubeke nihlala ezintenteni, ukuze niphile ixesha elide kwilizwe enihlala kulo njengabantu basemzini.’ 8 Ngoko ke, siqhubeka sithobela ilizwi likaYehonadabhi unyana kaRekabhi, ukhokho wethu, kuyo yonke into awasiyalela yona, ngokungaze sisele wayini, thina, abafazi bethu, oonyana bethu neentombi zethu. 9 Asizakheli zindlu zakuhlala, asinawo namasimi eediliya, intsimi okanye imbewu. 10 Siqhubeka sihlala ezintenteni kwaye sithobela yonke into uYehonadabhi* ukhokho wethu awasiyalela yona. 11 Kodwa xa uNebhukadenetsare* ukumkani waseBhabhiloni wahlasela eli lizwe,+ sathi, ‘Yizani, siyeni eYerusalem, sibaleke umkhosi wamaKhaledi nowamaSiriya,’ yaye ngoku sihlala eYerusalem.”
12 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya lisithi: 13 “Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ‘Hamba uyokuthi kumadoda akwaYuda nakubantu baseYerusalem: “Ngaba beningasoloko nicengwa ukuba nithobele amazwi am?”+ utsho uYehova. 14 “UYehonadabhi unyana kaRekabhi wayalela inzala yakhe ukuba ingaseli wayini, ibe yayenza loo nto, ayasela kwade kwangoku, ithobela umyalelo kakhokho wayo.+ Mna ndithethile nani ngokuphindaphindiweyo,* kodwa anindithobelanga.+ 15 Kwaye ndaqhubeka ndithumela kuni bonke abakhonzi bam abaprofeti, ndibathumela kaninzi,*+ ndisithi, ‘Ndicela nonke niyeke ukwenza izinto ezimbi,+ nenze ezilungileyo! Sanukulandela abanye oothixo nize nibakhonze. Ukuba niyayenza loo nto, niza kuqhubeka nihlala elizweni endalinika nina nookhokho benu.’+ Kodwa anizange nivule ndlebe, ningazange nindimamele. 16 Bona oonyana bakaYehonadabhi unyana kaRekabhi bawugcinile umyalelo kakhokho wabo,+ kodwa bona aba bantu abandimamelanga.”’”
17 “Ngoko ke, uthi uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ‘Ndizisela uYuda nabo bonke abemi baseYerusalem intlekele endiye ndabalumkisa ngayo,+ kuba ndithethile nabo, kodwa abafunanga kundimamela, ibe ndiye ndaqhubeka ndibabiza, kodwa baye abandihoya.’”+
18 Wathi uYeremiya kwindlu yamaRekabhi: “Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ‘Ngenxa yokuba niwuthobele umyalelo kakhokho wenu uYehonadabhi, naqhubeka niyithobela yonke imiyalelo yakhe, nisenza ngqo le nto wayeniyalele yona, 19 uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Soze nanini na ingabikho inzala kaYehonadabhi* unyana kaRekabhi ekhonza phambi kwam.”’”