Hezekile
10 Njengoko ndandibukele, ndabona into engathi lilitye lesafire phezu kwesibhakabhaka esasisentla kweentloko zeekherubhi, ibe yayifana netrone.+ 2 Wathi uThixo kwindoda enxibe ilinen:+ “Ngena ngaphakathi kwamavili,+ phantsi kweekherubhi, ugcwalise izandla zakho zozibini ngamalahle avuthayo+ aphakathi kweekherubhi, uwaphose esixekweni.”+ Ngoko yangena ndibukele.
3 Iikherubhi zazimi ngasekunene kwendlu ukungena kwaloo ndoda, iyadi engaphakathi igcwaliswe lilifu. 4 Lwasuka uzuko lukaYehova+ kwiikherubhi lwaya kumgubasi wendlu, yaye indlu yaya igcwala lilifu,+ neyadi yayigcwaliswe kukuqaqamba kozuko lukaYehova. 5 Isandi samaphiko eekherubhi sasivakala kwiyadi engaphandle, sinjengesandi sikaThixo uSomandla xa ethetha.+
6 Emva koko wayalela indoda enxibe ilinen, esithi: “Thatha umlilo phakathi kwamavili, phakathi kweekherubhi,” yaza yangena yema ecaleni kwevili. 7 Enye yeekherubhi yolulela isandla sayo emlilweni owawuphakathi kweekherubhi.+ Yawuthatha yawubeka ezandleni zalowo wayenxibe ilinen,+ yena ke wawuthatha waphuma. 8 Iikherubhi zazinento efana nezandla zomntu phantsi kwamaphiko azo.+
9 Njengoko ndandibukele, ndabona amavili amane ngakwiikherubhi, kukho ivili elinye ngakwikherubhi nganye, amavili ebonakala ngathi ayabengezela njengelitye lekrizolite.+ 10 Omane ayefana, kubonakala ngathi kukho ivili ngaphakathi kwelinye. 11 Xa ehamba, ayenokuya macala omane engajikanga, kuba ayesiya apho ijongise khona intloko yekherubhi* engakhange ajike. 12 Imizimba, imiqolo, izandla, amaphiko azo namavili, amavili azo zone, ayenamehlo yonke indawo.+ 13 Ke wona amavili, ndeva ilizwi elaliwakhwaza, lisithi, “Mavili!”
14 Nganye* yayinobuso obune. Ubuso bokuqala yayibobekherubhi, ubuso besibini ibobomntu, obesithathu ibubuso bengonyama, obesine ibubuso bokhozi.+
15 Zaziye ziphakame iikherubhi (ezi yayizeza zidalwa ziphilayo ndandizibone* ngakumlambo iKebhare),+ 16 yaye xa iikherubhi zihamba, amavili ayehamba ecaleni kwazo; naxa iikherubhi ziphakamisa amaphiko azo ukuze zibe ngaphezu komhlaba, amavili ayengajiki okanye asuke ecaleni kwazo.+ 17 Xa zisima, ayesima; naxa ziphakama, ayephakama nazo, kuba umoya owawukwizidalwa eziphilayo* wawukuwo.
18 Emva koko uzuko lukaYehova+ lwasuka emgubasini wendlu, lwema entla kweekherubhi.+ 19 Ndathi ndisabukele, iikherubhi zaphakamisa amaphiko azo zaza zaphakama emhlabeni. Ngoxa zazihamba, amavili ayesecaleni kwazo. Zema ngasegeyithini yendlu kaYehova ngasempuma, yaye uzuko lukaThixo kaSirayeli lwaluphezu kwazo.+
20 Ezi zizidalwa eziphilayo endandizibone* phantsi koThixo kaSirayeli ngakumlambo iKebhare,+ ndatsho ndazi ukuba ziikherubhi. 21 Zone zazinobuso obune, amaphiko amane, ibe zazinento efana nezandla zomntu phantsi kwamaphiko azo.+ 22 Ubuso bazo babufana nobuso endandibubone ngakumlambo iKebhare.+ Ngasinye sasisiya ngqo phambili.+